Sidlaliswa undize, atsho amagqala ezamanqindi

Amagqala omdlalo wamanqindi angamalungu ombutho iBoxing Veterans Association (Bova) phantsi komasipala weNelson Mandela Bay akhalalezela iinkokeli zalo masipala ngokuwadlalisa “undize” esithi adikiwe zizithembiso zawo ezingafezekiswayo.

La malungu azityand’ igila kwintatheli yeli phephandaba esithi akhalazela ukungabikho kweendawo zokusebenzela ezilungiselelwe lo mdlalo nokwalelwa kwabo ngabagcini abasebenza kwiiholo ezikwii wadi zabo.

UPhillip Masiza ongusihlalo kulo mbutho uthe sekungaphaya kweminyaka elishumi bezama ukubonisana bethethisana namagosa aphambili kwisebe lezemidlalo, ubugcisa nenkcubeko kulo masipala kodwa lo migudu ifikela kwiindlebe eibuthuntu.

“Sabhenela ekubeni sisebenzele ematyotyombeni ahexayo nasezinkontyweni ngenxa yale meko, “ utshilo.

UMzukisi Oliphant ongumqeqeshi we-United Boxing Club ezinze kwilokishi yaseChatty eBhayi uthe ungomnye wabaqeqeshi abasebenzela etyotyombeni. Uthe phantsi kwaloo meko abantwana bakhe benza izinto zamehlo xa beseqongeni.

“Lo nto ithetha ukuthi italente ikho ntonje ifuna inkxaso karhulumente”. Uhambise wathi amalunga namashumi amathathu amaqela omdlalo wamanqindi kulo masipala asebenzela phantsi kweemeko ezinganyamezelekiyo

ULandezwa Luvuno oyinkokeli yombutho wophuhliso lweengwevu neengwevukazi i-Amazing Elderly Development uthe kukho izakhiwo ezidala kulo masipala ezingasasetyenziswayo ekufanele ukua zinikezelwe ebantwini abadinga ukuzisebenzisa.

Uthe ezi zakhiwo zajika zasisigqubu sootsotsi, izisulu zokutyhuthulwa neendawo zokulahlela inkunkuma esithi indawo eyayisakuba yindawo yentselo eyayisaziwa ngokuba yi-Kulati Bottle Store yenye yeendawo abacinga ukuyisebanziza bengulo mbutho.

“Sikwiphulo lokucenga umasipala wethu ukuba asinike le ndawo ukuze siphuhlise iinkonde nolutsha lwakowethu kuyo”.utshilo. UMthubanzi Mniki osisithethi kumasipala weNelson Mandela Bay uthe abantu abaneengxaki zokuqeqeshela abantu babo mabadibane nabagcini abasebenza kwezi holo babonisane nabo ngamaxesha neemini abangazisebenzisa kwiiholo ezikwiiwadi zabo.