Sigwetyiwe isidlwengu sakuGatyana!

Ugwetywe iminyaka engamashumi amabini anesibhozo enkoloza kwezimnyama izisele uSiphamandla Somdaka (29),  emva kokufunyanwa enetyala lokudlwengula intwazana enamashumi amabini ubudala. 


USomdaka ugwetywe yinkundla yengingqi yamatyala aseGcuwa ngoLwesine. Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha, ixhoba ladlwengulwa kwinyanga yoMsintsi ngo2014 ngethuba lizihambela lodwa kwilali yalo eFort Malan kuGatyane.


UManatha uthi ixhoba ladibana noSomdaka wabe exhobe ngompu lowo wathi wamgrogrisa ngawo emdlwengula. USomdaka warhuqa ixhoba elirhuqela kwihlathi elikufutshane apho walidlwengulela khona eliphindaphinda de wonela. 


Ingxelo ithi ixhoba laphakama emva koko labika ngokwenzekileyo emapoliseni. Amapolisa akhawuleza kwangoko ukusabela ze wabanjwa uSomdaka.

UManatha uthi esi sigwebo sakuthi ibe sisifundo nakubenzi bobubi kwaye nabasacinga ukuphatha gadalala amanina.