Sigwetywe ubomi kahlanu neminyaka engama58 isidlwengu saseKhayelitsha!

UAviwe Hoya ogwetywe ubomi kahlanu neminyaka engama58 ngokudlwengula

EKAPA: UGWETYWE ubomi kahlanu neminyaka engamashumi amahlanu anesibhozo, uAviwe Hoya ofunyaniswe enamatyala okudlwengula, ukuthimba nokukhuthuza abantwana abasuka nabaya ezikolweni eKhayelitsha ngo2011 nango2012.


UHoya oneminyaka engama26 waqala ukudlwengula eneminyaka elishumi elinethoba, itshilo ijaji yeNkundla ePhakamileyo yaseNtshona Koloni uKate Savage.


USavage uthe kucacile ukuba uHoya yingozi eluntwini. UHoya wafunyaniswa enamatyala alishumi wokudlwengula abantwana abahlanu abaquka noneminyaka elishumi nomnye oneminyaka elishumi elinesithathu. Omnye wamaxhoba wakhe wamdlwengula amatyeli amaninzi. Elinye lamaxhoba wakhe lade lazibulala. Wabanjwa eMpuma Koloni eStutterheim ngo2016.


“Kufanele ufumane isigwebo esihambelana namatyala wakho. Elinye lamaxhoba wakho lade lazibulala. Elinye liyawazonda amadoda ngenxa yezenzo zakho. Elinye lade labe lithandana nabantu besini esinye. Elinye lade layeka esikolweni. Elinye lade latshintsha isikolo kuba lisoyika ukuhamba umgama omde,” utshilo uSavage.


Uthe uHoya sisidlwengu esiquqa sibuyelela, ngoko ke ufanelwe sisigwebo esiqatha. “Amantombaza amancinci adinga ukukhuselwa kwizidlwengu ezifana nawe. Umgaqosiseko uyagxininisa ukuba masikhuselwe isidima somntu. Inkundla inoxanduva lokuthumela umyalezo ongqongqo nakwabanye abanenjongo zokudlwengula. Wawanyasha amalungelo amaxhoba wakho. Wawangcungcuthekisa ngokuwathimba, uwadlwengula uphindaphinda besendleleni esuka okanye bebuya esikolweni,” utshilo uSavage.


Isithethi seNPA eKapa, uEric Ntabazalila, uthe esi sigwebo sizifanele izenzo zikaHoya. “Wenza izinto ezimbi ebantwaneni abancinci. Uyinkathazo eluntwini. Abantwana badandathekile emiphefumlweni ngenxa yakhe,” utshilo.


UNtabazalila uthe baza kuzama ngako konke abanako ukuphelisa ukuxhatshazwa kwabantwana ngesondo. Uthe unethemba lokuba amaxhoba kaHoya ayakutsho afumane intuthuzelo emphefumlweni.