Sikhatyiwe isibheno sikaMasutha ngoHani

Inkundla ephakamileyo yomntla Rhawuti isikhabile isibheno somphathiswa wesebe lezobulungisa uMichael Masutha ebesichase ukukhululwa ngengqawule kwendoda eyabulala uChris Hani uYanuz Waluz.

UHani wadutyulwa wabulawa ekhayeni lakhe eBoksburg ngomhla weshumi kwinyanga kaTshazimpuzi ngonyaka ka1993. Kamva kwabanjwa kwavalelwa indoda eyinzalelwane yelizwe lasePoland uWaluz ngokubulala uHani encediswa nguClive Derby Lewis.

UMasutha ukholelwa ukuba uYanuz Waluz akakhange abonakalise ukuzisola ngesenzo sakhe sokubulala uHani.

Umbutho wamaKomanisi oMzantsi Afrika iSouth African Communist Party uthi, uzakuncedisa umphathiswa uMasutha ukuqhubela phambili isibheno kwinkundla yezibheno.

Othethe egameni leSACP uAlex Mashilo uthi abasoze banikezele kuba bakholelwa ukuba uWaluz kumele ukuba abolele eziseleni. “Sele siqalisile ukwenza amalungiselelo ethu ukuxhasa umphathiswa uMasutha kwidabi lakhe lokubhena kwesi sigqibo senkundla,” utshilo uMashilo.

Ijaji ebichophele eli tyala uNicolene Janse van Nieuwenhuizen ukhuphe umyalelo othi uyasichitha isibheno somphathiswa uMasutha.

“Ndiyasichitha esi sibheno, kwaye kufuneka umphathiswa ehlawule iindleko zenkundla ethe yangena kuzo ngenxa yokubhena kwakhe,” uthethe watsho uNieuwenhuizen.

Ukukhatywa kwesi sigwebo kuthetha ukuba uzakukhutshwa ngengqawule.

siyabulela.mqikela@inl.co.za