Sikhatyiwe isicelo sebheyile sikaGqirha Nandipha Magudumana nosisinqandamathe somdlwenguli kaFacebook uThabo Bester.
UMagudumana uvele kwinkundla kamantyi yaseBloemfontein ngoMvulo eyokuva isigqibo sesicelo sakhe sebheyile emva kokuba evalelwe ngesityholo sodlala indima ekuqhwesheni kukaBester kwintolongo yaseMangaung Correctional Centre eBloemfontein.
Umantyi ufumanise ukuba uMagudumana ngaphandle kwamathandabuzo angabaleka aduke kwaye ukuba ukhululwe ngebheyile akukho nto iza kumnqanda ekuncedeni uBester ukuba aqhweshe entolongweni kwakhona.
UMagudumana ujongene namatyala amaninzi aquka ukunceda ekuqhwesheni, ubuqhophololo, urhwaphilizo, kunye nokuxhaphaza isidumbu.
UMagudumana wabanjwa eTanzania kuTshazimpuzi ka2023 ekunye noBester. Wavalelwa kwintolongo yaseBizzah Makhate eKroonstad ukusukela ngoko.
Kwisicelo sakhe sebheyile, uMagudumana uthi waxhwilwa nguBester wasiwa eTanzania ngenkani. Ukwathe uzimisele ukuhlala nomhlobo wakhe eSandton kwaye akanakubaleka aqhweshe kweli kuba ipasi lakhe lohluthwa xa ebanjwa.
Umantyi uEstelle de Lange obechophele eli tyala uthe akukho mqathango webheyile ozakuqinisekisa ukuba uMagudumana uzakulichophela ityala nanjengoko ebekwazile ukuwushiya uMzantsi Afrika wanqumla imida emithathu ngaphandle kwepasi.
Kwisigqibo sakhe, ude Lange ufumanise ukuba kukho ubungqina obuncinane bokuxhasa ibango lokuxhwilwa kukaMagudmana. Uthe bonke ubungqina obukhoyo bubonisa ukuba uMagudumana ukhethe ukushiya abantwana bakhe kunye neshishini lakhe emva kweyoKwindla ka2023 ebaleka eshiya ilizwe noBester.
“Umfaki-sicelo ujongene nezityholo ezininzi ezinobuzaza, zokunganyaniseki kunye nenkohliso,” utshilo ude Lange. UMagudumana kungenzeka agwetywe ixesha elide entolongweni ukuba ufunyaniswe enetyala, utshilo.
Ngaphambili uMagudumana ukhethe ukungalisebenzisi ilungelo lakhe lebheyile, oku kwakungexesha wafaka isicelo sokuba ukubanjwa kwakhe eTanzania kubhengezwe njengokungekho mthethweni.
UMagudumana uzakubuyela kwinkundla kamantyi yaseBloemfontein ngomhla weshumi elinanye (11) kweyeDwarha ekunye nabo balishumi elinanye (11) atyholwa nabo.
UEl Nino uhlasela amafama weswekile