Sikhatyiwe isicelo sebheyile sikaOmotoso

Abapheli mandla abaxhasi nabachasi bakaOmotoso, eBhayi Umfanekiso: Mpumelelo Matwa

Sikhatyiwe isicelo sebheyile somprofethi uTimothy Omotoso webandla elibizwa ngokuba yiJesus Dominion International nobevele phambi kwenkundla kamantyi waseBhayi namhlanje ezokuphulaphula okokugqibela isicelo sakhe sesibini sebheyile.

Umantyi obechophele eli tyala, uThandeka Mashiyi, uthe ubungqina obuthe beza ngaphambili namagqwetha ale nkokeli abe yinkcitha-xesha nento engenasihlahla sibambekayo; esithi zonke izinto ebeziqulathwe kumaxwebhu amalunga neenyaniso ezintsha ngobume bomprofethi abuzange buze ngaphambili ngethuba loviwo lwesicelo sokuqala.

Uhambise wathi obobungqina ibingento intsha efanele ukonwatyelwa yinkundla kuba ayivezi bungqina bunokuthethelela ummangalelwa ukuba afumane ibheyile.

Kule veki iphelileyo, uAlwin Rossouw – oligqwetha likaOmotoso, wathi lo amgqwethelayo uneempepha ezimchaza ukuba ukho kweli lizwe ngokusemthethethweni kwaye unelungelo lokuba lapha eMzantsi ngokweSebe lezeKhaya.

URossouw waqhubeka wathi ukwanayo nedilesi enye yokuhlala esele ihloliwe ubunyani bayo esithi ezo zezinye zezizathu ezinokubangela ukuba akhululwe ngebheyile.

Eli gqwetha liphakama liphakamile lizama amaqhinga okukhulula umprofethi; lisithi ukuba angakhululwa ngebheyile anikwe nemiqathango elukhuni amarhamente akhe athembekileyo aya kuqinisekisa ukuba akayophuli lo miqathango. 

“Ngenxa yoko le nkundla imfumanisa ewile ummangalelwa ekuphumezeni isicelo sakhe ngobobungqina butsha kwaye iyasikhaba isicelo sakhe sokukhululwa ngebheyile.”

Lo mantyi uthe esi sicelo asamkelekanga kuba ubungqina abutshintshanga.
 
Ukwathe igosa leSebe lezeKhaya alizange ligungqe kubungqina balo ukuba iimpepha zakhe zezomshikashika; esithi ngenxa yoko kukwakho nesimangalo esifakwe leli Sebe.

 Le nkundla iyakuchopha kwakhona ngomhla wesithoba kweyeNkanga ukubheka phambili netyala.