Kule nyanga yokuhlonitshwa nokuthakazelelwa kwamafa nemveli yethu ma-Afrika, kusuke kwathi qatha engqondweni yam indima edlalwe yiZimbabwe kaJoshua Nkomo noRobert Gabriel Mugabe kumawethu.
Uninzi lwethu ma-Afrika aseMzantsi Afrika, xa efikelwa kukunganeliseki bubukho babemi bamanye amazwe aseAfrika kweli loMzantsi Afrika, into yokuqala kukuphakamisa izigalo, ukulimazana, ukubulalana nokugxagxamisana ngokoyikisayo.
Ngelishwa ke, uninzi lwabemi bamanye amazwe aye asabela kweli lizwe lethu, ngabo bamazwe akufuphi nathi, amazwe afana neZimbabwe, iLesotho, iMozambique neSwaziland, nangani ke ekho namanani avisayo abemi bamazwe afana nooNigeria, Somalia neGhana.
Esona sizathu sokugxagxanyiswa kwabemi bamanye amazwe abaze kuhlala kwizwe loMzantsi Afrika, kukuba okokuqala abo bemi babonwa njengabo bathatha imisebenzi yabantu abamveli yabo iyeyelizwe loMzantsi Afrika.
Okwesibini, kukho nesizathu esithi nangona amajoni enkululeko afana naweMK; APLA; AZANLA naweminye imibutho ayencedwa ngoqeqesho nangokuxhaswa ngamanye amazwe aseAfrika, kukho abanoluvo okanye ulwazi lokuba olo ncedo lwalungagqibelelanga okanye lungakhululekanga ncam, kuba amajoni enkululeko ayesuka eMzantsi Afrika, kwanabo babe ziimbacu kuloo mazwe ezwekazi ngokubanzi, babengenakuthatha imisebenzi yabemi balo mazwe, koko babesikelwa iindawo abanokuhlala kuzo, nenxaxheba yabo kuloo mazwe ibe yeyabantu abaze ngokubhaca.
Kulo mba ke, olwam uluvo lungahluka ngelithi, into entle eyenziwa ngumntu kufuneka uyibulele, nokuba sele incinci okanye sele ingagqibelelanga kangakanani, apha kowethu kwaXhosa, sithi uEnkosi lilizwi elikhulu nelithakazelelwa nguQamata namanyange.
Uncedo lwamazwe ezwekazi leAfrika alukhange luphelele nje kwimo yezopolitiko, koko nakwezoqoqosho kunye nakwezemidlalo jikelele.
Ndinethemba lokuba wonke ubani wazi kakuhle ukuba baninzi abantu, oosomashishini kwanemibutho yamazwe aseAfrika etyale iimali ezinkulu kwilizwe loMzantsi Afrika, ukuze uqoqosho lwethu lungabi buthathaka. Xa sibaphatha ngolu hlobo abantwana beAfrika, kazi sakuqhubekeka siyifumana kusini na inkxaso elolu hlobo.
Kananjalo, amashishini amaninzi oMzantsi Afrika ayafumaneka kwaye ayaxhaswa kakhulu kumanye amazwe aseAfrika. Masithembe ukuba impatho yethu kuma-Afrika ayizi kuwachaphazela loo mashishini ngokuthi akhutshelwe ngaphandle kumazwe aseAfrika.
Kulo Mgqibelo sisuka kuwo, elinye iqhawe leAfrika nebekumele liyabhiyozelwa kule nyanga yamafa, umdlali wombhoxo nomnye ophakathi kweentshatsheli zeNdebe yeHlabathi embhoxweni uChester Williams, wathi ukuze azive ehloniphekile, wanikwa isikhundla sokuqeqesha iqela lesizwe lombhoxo eZimbabwe.
Sazi sonke ukuba lo mfo kaWilliams, wazifaka wancama izicelo zokuqeqesha amaqela ombhoxo kweli loMzantsi Afrika, ngaphandle kwaloo maqela anabadlali asixhenxe.
Nangona apha kowethu engazange afumane nethuba lokuqeqesha iSpringboks nakumaqela eCurrie Cup, ilizwe laseZimbabwe lamthemba laze lamnika isikhundla sokuba ngumqeqeshi oyintloko weqela lombhoxo kwelo zwe.
Enkosi Zimbabwe ngokuhlonipha eli thole lomgquba. Wanga umoya walo ungaphumla ngonaphakade.
Ngubani na onokuyilibala intlonipho nendili eyanikwa ithole lomthonyama, uMakhaya Ntini, nowawongwa ngesikhundla sokuqeqesha iqela leqakamba kwakwelo zwe laseZimbabwe?
Naye lo mntwana welali yakwaMdingi, kweli leMpuma Kapa, uthe emva kokuba ebethwa ngoyaba ngamaqela ezwe lakowethu, kuquka nelo lesizwe iProteas, iZimbabwe yamthanda, yamkhetha phakathi kwabaninzi, yaze yamnika ithuba lokuqeqesha kwelo zwe.
Nokuba ke ubudlelwane phakathi kwabaqeqeshi nezigqeba ezilawula imidlalo kumazwe ngamazwe abuyi buphele kamnandi, okubalulekileyo nendinqwenela sikuhloniphe, yindima yezwe laseZimbabwe ekuncedeni ekuphakamiseni abantwana bomgquba abangananzwayo apha kowethu.
Ngendima yezwe laseZimbabwe, elaseNamibia, elaseKenya kwanamanye ahlala ethakazelela ukunika amathuba abaqeqeshi boMzantsi Afrika, ndithi umanyano ngamandla ma-Afrika.
Ngokwenza oku ma-Afrika amahle, nisibonisile ukuba ukusekwa kweMbumba yama-Afrika, kwakungeyonkcithaxesha. Ndiyanibongoza ma-Afrika, makukhe kuyeke ukuba lula ukuphalazwa kwegazi lom-Afrika ngomnye um-Afrika.
Kumazwe ahlala esixhasa, nathi siwaxhasa, ndithi ngesiChichewa sabakhozi “zikomo”. NgesiSwahili esithethwa eKenya ndithi “asante”. NgesiHerero saseNamibia ndithi “okuhepa ndangi”. Ukuze ngesiXhosa sakowethu ndithi maz’enethole!
iSundowns ingombe iSibanye emdlalweni obutaka iintlantsi eLoftus Stadium!