Sikhula kusithiwa awunakuze ulwe nento engathethiyo!

Mhla abafundi baqhankqalaza, baphuma iphulo besithi Rhodes Must Fall, oku kukhatshwe bubutsha-ntliziyo obungumangaliso nobusikhumbuze idabi lokulwa nokunyanzeliswa kolwimi lwesiAfrikansi kubafundi abantsundu ngomnyaka ka-1976.

Ngelishwa, umzabalazo uqale ngezizathu ezihle nezincomekayo zokuba kususwe imifanekiso eqingqiweyo yabaseki nabayili bengcinezelo nocalu-calulo, uphele unokonakaliswa kwezinto ezithwaxe amaziko emfundo enomsila kakubi ngokwasezimalini.

Kukho abavakalisa ukuba ukutshiswa nokonakaliswa kwezinto yinto esisiqhelo kwabo bazabalazayo, nanjengoko urhulumente wengcinezelo wayesiva asabele kuphela xa kutshiswa kusonakaliswa izinto.

Umahluko phakathi kwelo dabi labafundi baka-1976 naba banamhlanje, kukuba ngelo xesha izikolo ezazitshiswa zazigxininisa kwimfundo ejongela umntwana ontsundu phantsi, imfundo eyayibizwa ngokuba yiBantu Education.

Le mfundo yayisekelwe ukuze umntwana ontsundu afunde ukuze abe sisicaka sohlanga lwasemzini naphakade.

Imfundo yanamhlanje iyafana, kunjalo nje ibandakanya bonke abemi boMzantsi Afrika kungakhethe bala. Le mfundo isekelwe phantsi kwemigaqo efanayo kwanemigangatho yokuhlola efanayo.

Umahluko ukwindlela izikolo ezixhobe nezixhotyiswe ngayo kuphela, kuba ezinye, nezazifudula izezohlanga lwasemzini, zisenezixhobo ezaneleyo nezisemgangathweni kunezi zomzi ontsundu.

Noko andiqondi ukuba ukulwela umakufanwe kwimfundo yanamhlanje kungakhokelela ekubeni kutshiswe izikolo nezakhiwo zamaziko emfundo enomsila.

Ingaba bubugwala bethu obu bubangela ukuba kube lula ukutshisa nokonakalisa izinto ezingaphiliyo, ibe imithetho nemigaqo yokusebenza kwezo zinto ilawulwa ngabantu abaphilayo nabathethayo.

Andithi abo bakulawulo mabatshiswe okanye bonakaliswe, ndithi xa bephila kungenjalo bekwazi ukuthetha, kumele kuxoxwe nabo, singadinwa bade beze ngaphambili nezisombululo kwiingxaki ezikhoyo ezibangela ukuqhankqalaza.

Zitshe zangqungqa izakhiwo zolawulo, izakhiwo zemidlalo eyahlukileyo, abotyozwa amasango nezikrweqe zophando, abhodlozwa namagumbi okufundela nokufundisela kumaziko emfundo enomsila ngethuba loqhankqalazo lukaFees Must Fall.

Nalapha bathi ngoku bekho abalawuli nabaphathi bala maziko, nekunokuthethwana nabo kude kufikelelwe kwindlela yokuhlangula abafundi kumatyala abo emfundo, kwatshiswa konakaliswa izakhiwo nezixhobo ezingaphiliyo.

Kutheni na bafundi basekhaya kulula ukonakalisa okungaphiliyo ekho amathuba eengxoxo kwizwe lenu elikhululekileyo nelilawula ngedemokhrasi?

Xa abaphathi bengalusabeli ubizo lwenu, kwalani ukuba ningahlali kwizakhiwo zabo, nide nilale kuzo ngaphandle kokonakalisa impahla, bade baniphendule?

Oku konakalisa ikwakuko okufaka kwala maziko kumatyala amakhulu emali, aphele engakwazi ukubaxhasa ngokwaneleyo abo bafundi bahluphekayo, nabakunxanelwe kakhulu ukufunda.

Hayi ke xa ndifika kwimeko yokutshiswa kwezakhiwo, ukophulwa kwezibane zeendlela, ukutshiswa kwezithuthi ezindleleni kude konakaliswe nezoo ndlela ngabahlali abakhalazela ulawulo olufe amanqe nolungabanelisiyo koomasipala bethu, leyo imeko indikhathaza emphefumlweni.

Khawujonge imeko yaseMalamulele, idolophana ephakathi kweGiyani neThohoyandou kwiphondo laseLimpopo.

Abahlali balapho balwela ukuzimela kuMasipala iThulamela ukuze babe phantsi koMasipala okhethwe ngabo nabakholwa nguye. Apho konakaliswa iindlela, kutshiswa izakhiwo zeenkonzo zikarhulumente nezikolo.

Ingaba ezi ndlela zonakalisiweyo, izakhiwo ezitshisiweyo njengezikolo zabantwana bethu zizo ezi bekumele ziphendule kwaye zize nezisombululo kwimeko yalapho yokuba befuna uMasipala othile bengafuni othile?

Silwela oomasipala esibathandayo, iinkokheli ezithandwa sithi nokuhlawulelwa amatyala emfundo. Ingaba ezi zinto zibaluleke kangangokuba siyeke awona madabi mna endicinga ukuba silwa wona?

Nditsho idabi lokuba sinikwe imihlaba ukuze siziphile singaxhomekeki, idabi lokufuya sisebenze imihlaba neefama zethu ukuze imfundo exabisa inkuntyula yemali sikwazi ukufikelela lula kuyo kuba sinengeniso esuka kwimfuyo nemihlaba yethu echumileyo.

Kwamfundo leyo umntu ayilandele ngokokusebenza umhlaba nokufuya, izinto eziza kumphilisa naphakade, kungenjalo igxile kwizakhono ngakumbi, endaweni yokugxila kwiingcingane (theories) esingazi kuzisebenzisa ncam ebomini bethu.

Kuzo zonke iimeko zoqhankqalazo esele ndizibonile kweli loMzantsi Afrika, andikeva kusithiwa kuliwe kwaqhawuka unobathana, kwatshiswa konakaliswa izinto kusilwelwa imihlaba, kusilwelwa ukuphathwa gadalala koomama nabantwana, kusilwelwa ilungelo lokufumana amaziko afanelekileyo empilo nezemidlalo.

Umsindo wethu ujolise kwizinto ezinokuchazwa njengezingenamsebenzi endaweni yokulwela ezona zidingo ziyimfuneko!