Sikhule kanzima kodwa sihlonipha

Kwakungelulanga , Yonke into ifumaneka kanzima , Sasibunqwenela ubomi obuntofo-ntofo, Ubomi obumthebelele nobulafu-lafu, Kodwa lo nto kuthi yayifana nethamsanqa, Okumnandi xa ukubawela wawukuzoba ephepheni, Uzenzele umfanekiso ngqondweni, Ivumba lekhaphetshu lalifana nelenyama, Iqhekeza lesonka ulilwantshe ibengathi lizakoxuthwa, Kodwa singayekanga ukuthandaza, Nentlonipho siyikhokelisa phambili.

Ukukhula kanzima ayondlwan’iyanetha, Unqwenela konke okuphantsi kwelanga, Ude uzibone ngelinye ixesha uncuma, Awuncumi kuba kumnandi,uncunyiswa yintlungu engaphakathi nokunqwena, Wakujonga umzali umbone uba uyazama, Kodwa imizamo yakhe awuyazi iphelelaphi, Suka ubone iinyembezi zisehla, Azosule ngelema akafuni kubonwa sithi, Kodwa iinyembezi zakhe yayizezothando.

Usizi lubhalwe ebusweni, Inkxwaleko ikuncamathele, Inzingo zikwambethe, zikupheka zikophula, Ikuphek’intlupheko ingaze ikophule, Ikufundis’iindlela zokuphila uselula, Ukhule kanzima uzibone sowuthengisa iilekese, ungusomashishini osakhasayo, Kokukhasa kwakho ukhasela ezik’umlilo uvutha, Uthengisela umntu ongayaziyo intlupheko nentlungu yakho, suka bazibe kwa ezo lekese zakho, Bantsintsitheke yintsini bengazi uba ngokwenza njalo bakungcwaba uhleli, Noxa kunjalo usenothando nentlonipho neminqweno ngobomi, Uzive sowusithi Thixo bon’uba wenzani ngabo abo bandenza intlekisa.

Wawungathi siyafeketha xa sinyembezana, Sasingafekethi nto nje umoya wethu wawonakele, Sicingela ikusasa lethu lakuphelela phi, Ubomi bungamajingi-qhiwu, Bunamahla-ndenyuka, Ukhule ngosizi unqwenele nokutshintsha ikhaya, Unyamezele kuba intlupheko awuzikhetheli, Yintlupheko ezikhethela wena, Kodwa uhlale ubeke ithemba kulowo wasifelayo.

Ukukhula kanzima nguNozakuzaku wosizi, Ud’ubenegam’elitsha ube ngu “Si-Aram”. Uthi gqii kule kona wonk’umntu ubona usizi, Ungafunga ugqibe uba * “Owu yhini na torho” seyiligama lakho elitsha, Sikhule kanzima kodwa sikhula kwixesha elimnandi, Ixesha apho umntwana ebekhuliswa yilali, Umzali ibingumzali noba akakuzali, Utata ibingutata noba ngokabani, Wakubonwa usesonweni wawubalekela ukuzophula, Umama ibingenguye lo ukuzalayo kuphela, Lo nto yenza umsebenzi wokukhulisa umtwana ubelula kubazali belo xesha, Amaxesha ngamanye, izinto zijikile, Imbeko seyingumbeko, sekusebenza amalungelo ukodlula ingqeqesho, Sikhule kanzima kodwa somelele kwaye sihlonipha.