SikweyoMsintsi inyanga

Umhlaba uqala ukuncuma , Iintyantyambo ziyekile nazo ukukhedama, Zimbeje-mbeje kwaye ziqhele-qhele, Ziziqhayisa ngemibala egqamileyo neqhakazileyo, Abantu nabo baqhakazile njengentsiba zepikoko eziqaqambileyo, Neenkwenkwezi ziyazibalula ngobuqaqawuli, Inkungu igabukile naphantsi kwehlathi lobugqi, Amagqirha amagqwirha namagqiyazana nawo agqamile njengekhwezi.

Bumkile ubusika buhambe nengqele nothuli, Bushiya imfudumalo, ubuhle nohlaza, Samkel’intlakohlaza ngovuyo nemincili, Nabantu bazibalula ngempahla ezimibala-bala, Kusindwe ngobethole nakwizilwanyana, Iinyosi nazo zigcobile ziyafunxa kwimvomvo, Ewe yintlakohlaza!

Sibuka imingqandandana yeenkonjane, Ziqala ukuphaphazela ngaloo maphikwana, Silindel’amagqaza nawo azibonakalise , Ngelixa oojobela sebephithizela ngalo mibala inomtsalane , Owu uthekwana ngokuthand’injezu, Uphezu-komkhono ulinde ngomonde ukuthwasa kwehlobo.

Inyanga yokuzalwa kwenqoko-nqoko, Inyanga esikhumbuza ngenkcubeko, Inyanga enefuthe likawayidlokova, Inyanga yokuziphicotha kubuntu bethu, Inyanga yethemba nokuzithemba, Uba bendinguxholovane wenkundla ngendibhonga, Nto nje ndibethwa bubuyilo nobugangxa, Dubula msints’omaseb’angelothemba, Unyak’uphelile ivumb’elimyoli liyasikhanyisela, Sikule nyanga yoMsintsi.