‘Silinde ukufa apha KwaMakazi!’

Abahlali base Mooiplaas bafumene amatanki amanzi kwabe Gift of the Givers. KUFOTE:BHEKI RADEBE

“Thina kule yethu indawo sifana nabalahlwa kwesinomhlwa, hlobo eli singakhathalelekanga ngalo. Asinamanzi, asinakutya, asinandlela, akunabantu bazosihlolela iCovid-19 okanye bazosifundisa ngayo, ingathi akhonto yenzekayo, siphila laa mpilo indala. Sele silinde nje ukufa nanini kuba urhulumente noMasipala wethu iGreat Kei akasazi.”

Lawo ngamazwi kaStanford Ngadlela nongumhlali omdala welali yaKwaMakazi eMooiplaas ngethuba iGift of the Givers kwakunye ne-Engen bebenikezela ngeepasile zokutya, iimaski, iingubo umzi nomzi kwakunye namatanki kaJojo anamanzi ngaphakathi acocekileyo.

Abahlali belali bebegcwele luncumo lolu tyelelo besithi kudala bemfuna uGift of the Givers, bebona xa enceda kwezinye iindawo koko bengazi bangenza njani kuba bengahoywa ngurhulumente.

Abahlali bathi kubo kuyafana nokuba umasipala abanaye kuba abahoywa. Le lali iphantsi koMasipala iGreat Kei, bathi xa bekhalaza bekhalazela iinkonzo zoluntu iGreat Kei iye ithi bayalwa.

UNgadlela uthi ilishumi elinesihlanu iminyaka bengenawo amanzi, basela awomlambo neemfuyo. Uthi baphetheke kabuhlungu okungathi abavoti, kodwa bevota qho xa ilixesha lokuvota, nangona bengaboni tshintsho nje.

Uthi kuthiwa mabahlambe rhoqo ngurhulumente, ngantoni? Kuba akukho zicwangciso zenziwayo kubo ngurhulumente.

UNothuse Yoywana owazalelwa kule lali, wendela kwakule lali, uthe kudala emane ebona kumabonakude abantu bexhamliswa ngoorhulumente babo ngepasile zokutya, uthi anqwene ukuba yanga inganguye ngenye imini ofumanayo.

Uthe uswele imilomo eliwaka kuba ukutya akufumeneyo kwakuyigqiba inyanga. Uthi enye ayivuyele nangakumbi ngamanzi kuba basela amdaka womlambo ewayethe urhulumente mabawayeke, wabakhela iimpompo ezayeka ukusebenza kwiminyaka elishumi eyadlulayo.

UManejala weenkqubo ezijongene nokuphuhlisa uluntu kwaGift of the Givers, uAli Sablay, uthi kwaphambi kweLockdown kudala baceba ukuza KwaMakazi kuba kudala beva ngayo le ndawo ukuba itsala nzima kwaye idinga uncedo.

USablay uthi kungoko beye banyanzelisa kuba ileli xesha linzima lesi sifo elidinga amanzi

kanye nelifuna kuxatyiswe ukuhlanjwa izandla.

“Bazozicoca njani izandla bengenawo amanzi abantu? Siye sabona ukuba sisele sifaka neepasile zokutya kuba nendlala kumakhaya amaninzi iyagquba njengoko uninzi luphulukene nemisebenzi. Asikhethanga bani, sinike indlu ngendlu kule lali iipasile,” utshilo uSablay.

UThabo Nkuhlu wakwaEngen uthi eli lixesha lokuba kuxhasanwe, ingakumbi abo bangathathi ntweni. Uthi bazeke mzekweni basebenzisana noGift of the Givers ekuncedeni abasweleyo ngeli xesha.