Simbambe ngesandla uRamaphosa, kutsho abolupheleyo

UMongameli Cyril Ramaphosa exhawula abantu abadala nabo bakhubazekileyo eWoolfson Stadium KwaZakhele eBhayi UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

Abahlali baseBhayi abadala nabo bakhubazekileyo abawuvali umlomo emva kokuxhawula uMongameli Cyril Ramaphosa eWoolfson Stadium KwaZakhele eBhayi ngoLwesibini.
URamaphosa useBhayi kwimibhiyozo yosuku lwabasebenzi olwaziwa njengeMay Day nelibanjwa kwihlabathi jikelele. 
“Ndiyavuya kakhulu ukumbamba ngesandla uMongameli Ramaphosa. Andikhange ndiyikholelwe,” kutsho uNosisi Plaatjie, 89, wakwaZakhele. 
Yena uSimphiwe Jamba, 65, waseNew Brighton uthi uvuyile ukubamba isandla sikaRamaphosa, watsho esithi ufuna uMongameli ukuba anyathele kumba wokunqongophala kwemisebenzi. 
“Kwindawo endihlala kuyo kugquba ulwaphulomthetho ngenxa yokuba akukho misebenzi,” utshilo uJamba.
UMongameli weCOSATU uSdumo Dlamini uthi idabi lokukhathalela iimfuno zabasebenzi beli lizwe, watsho esithi abanadyudyu ngumfelandawonye okhokelwa nguZwelinzima Vavi.