Yazi ukuba singakhe siqwalasele amanani kunye nemigama ehanjwa ngamagosa karhulumente singagqiba kwelithi “uyasebenza nyhani urhulumente wethu!” Ayinokuba yimpazamo leyo, bayazama kodwa soze koneliseke wonke umntu.
Iinkonzo zikawonke-wonke ziyaya ebantwini, izikolo ziyakhiwa, iikliniki ziyakhiwa, imizi iyakhiwa, abantu bakhuthazwa ukuba mabalime ngokunikwa nezixhobo zokulima, njalo-njalo. Zonke ezi zinto ziyaqhubeka, kodwa kukhangeleka ngathi abantu aboneliseki.
Siyarhanela ukuba unobangela kukuba qho amagosa karhulumente eyokuthetha nabantu kwiindawo ngeendawo bagxila kumsebenzi abawenzileyo kunye nezithembiso.
Kuhle oko. Kodwa ingxaki iye ibe xa izithembiso zingafezekiswa nezo zinto athi uzenzile urhulumente bengaxhamli ngqo kuzo abahlali.
Akuncedi tu ukuthi wenza le nale nale ukuba lo umenzelayo akayiboni indlela anokuzuza ngayo kwezi zenzo zakho. Kufuneka inkqubo yophuhliso loluntu nemvuselelo yokuba abantu bathathe inxaxheba ekuhlaleni.
Sesibona amabala engagcwali nje xa kuze iinkokeli zepolitiki kungenxa yokuba abantu badiniwe kukumamela.
Inani lizakuya lincipha kula mabala ngoba kwa ukuya kuwo akunanzuzo. Abantu abaphekelwa nesidlo esi, kodwa kulindeleke ukuba bahlale imini yonke kula maholo namabala. Kunganjani ukuba kungathetha izenzo zikarhulumente?
Xa kusithiwa kuzakuziswa imisebenzi ekuhlaleni, mayize kodwa kuze neenkqubo zokufundisa abantu ngeendlela abanokushishina ngazo ngezo zakhono bazichola-chola kwiindawo zengqesho.
Kukho intshukumo ethi abantu abonelisekanga ngulo rhulumente; abonelisekanga ngumongameli wezwe lethu, makagxothwe, ngokungathi olo tshintsho lakutshintsha isimo sentlalo yabantu.
Kuzakungena enye inkokeli nayo izame kodwa abantu abazokoneliseka. Masizibuzeni ukuba yintoni kanye kanye le sifuna urhulumente ayenze ukuze wonke ubani kweli oneliseke? Masiqale ngento nje enye anokuyenza. Yintoni?
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup