Simvale amehlo isifo somhlaza uMandoza

Umfanekiso kaMandoza

Ezintsha ngoku ezidizwa nguGabriel Gaby nosisihlobo nokwangumvelisi wemvumi eyaziwayo yomculo weKwaito uMandoza udize ukuba, uMandoza owaziwa ngengoma ethi “Nkalakatha” uchacha kuhle kwikhaya lakhe, elwela ubom bakhe nangona nje kusuke kwegqi into yokungaboni ngamehlo.

UMandoza ugqitywa sisifo somhlanza. Kwingxelo ka Gaby kumnatha wonxibelelwano uFacebook udize ukuba esisifo sibumongamela ngoku kuba sichaphazela nengqondo. Usapho lukaMandoza kuquka unkosikazi wakhe lubongoza abalandeli bale mvumi ngenkxaso yemithandazo.

UKanti uMandoza kuvakala ukuba usazimisele ukuya kumnyhadala womculo ozakube ukwibala lezemidlalo eOrlando ngoMgqibelo nanethemba lokuba uzakube sele engcono.