Ngamanye amaxesha ezinye izinto ezenza ubomi nzima zenziwa kwasithi. Bendincokola nomnye umntu nje ngobomi sangqinelana uba amaxesha amaninzi xa sisezingxakini, sifuna ukuphuma kuzo sijikeleza kwisisombululo okanye unobangela.
Phambi kokuba umntu afune isisombululo kufuneka aqale azi ukuba kutheni ezibona ekulo meko akuyo. Siyathanda ukucinga ngezinto eziphathekayo qha xa sicinga ngobomi obungcono. Ikhona intetho ethi ezona zinto zingcono ebomini azithengwa ngamali.
Ndiqinisekile uba, xa lo ntetho ingazinza kuthi singaphila kamnandi. Kha ucinge ukuba zintoni kanye kanye ezi zingcono ebomini zingathengwa ngamali. Umntu azenzele uluhlu lwakhe ngokwendlela abona ngayo. Andazi ke uba sifike njani ekucingeni ukuba imali yeyona nto ekufuneka siyileqile, siyixabisile ukodlula izinto ezingathengwa ngamali.
Umntu xa ethanda angenza abantu bonwabe, ukanti xa ethanda angenza abantu bangonwabi. Into ebikhe yandifikela ndizihlelele kukuba, ayikho into ebuhlungu njengokuphoxwa ngumntu umthembile.
Masiyijonge kanje le nto, xa ndikhetha wena kule nginginya yabantu ndiyaziyo okanye nabanina okhetha wena, akuthembe ngento ebengenakuyenza naye nabani na, ze wena umphoxe, uthi inoba lo mntu lowo uyakuze aphinde abathembe abantu?
Emva kwencoko ebendinayo nomnye umntu ekhupha imbilini yakhe kum, ezanto zingathethwa nokuba kukubani ndiye ndazibuza lo mbuzo; xa abantu bethetha izinto abazive ngabanikazi bazo kuba bebathembile inoba injongo yabo sube iyintoni. Sele sinabantu abazivalela kwiikona zabo nje kukuphoxwa kwangabantu. Umntu uphila njani na bethuna evise omnye kabuhlungu? Kwafika amazwi athi ‘ingcina – sifuba’. Sisenazo ingcina zifuba?
Abantu siyababulala ngendlela esenza ngayo. Afe umntu ehamba ngoba kaloku umntu ngumphefumlo. Xa ubulele umphefumlo umgqibile. Abumandanga ke ubomi bokuphila ngokukrokra, ungathembi. Umntu onjalo ubalilololo. Kufuneka singabantu khe sifunde ukunyaniseka nokuthembeka kubantu esiphila nabo.
Ibeyeyokugqibela eyoba athi umntu eze kuwe elila, suke uphume nayo injengoba injalo uyokuhlekisa ngayo. Ze kwawena ungaqondi ngoku xa izinto zingakuhambeli kakuhle. Akakho umntu unokuze alilise omnye ze acinge ukuba izinto zizokumhambela kakuhle. Hayi ngoba eshwatyulelwe kodwa le nto uyenza emntwini inendlela yayo yokubuya ngawe.
Ngelinye ixesha ke ichaphazele nabantu abamsulwa abafana nosapho lwakho nabantwana bakho. Ubomi bethu bethuna asibobethu. Izinto esizenza namhlanje zakuchaphazela nesizukulwana esilandelayo. Yilo nto ufike kukho abantu abangathi bazalwa benamashwa, ngamanye amaxesha sube ikukwenza kwabangaphambili kubo. Umntu nomntu kufuneka akugade ukuhamba nokuthetha kwakhe, xa ungenzeli wena yenzele isizukulwana esilandelayo.
Yonke into umntu ayenzayo inemiphumela kwaye akukho nto ifihlakala de kuphele. Nabantu aba bade bamkrobele umtnu ohleli nje uneendaba ngabanye abantu, abe ethule tu ngezakhe. Masiphilisane kakuhle ntozakuthi. Umntu angeza kuwe akhuphe imbilini yakhe sube ekuthembile kwaye sube efuna uncedo hayi uba uhlekise ngengxaki yakhe.
Ubomi bungamnandi kakhulu uba singaqhubana njalo. Wenze le nto ungathanda yenziwe kuwe, uthethe ngabantu ngale ndlela ungathanda kuthethwe ngayo ngawe.
Yonke ke le nto isezandleni zethu, ixhomekeke kuthi into yoba siyafuna na ukwakhana, sithembane okanye sifuna ukuchithana sibeziintsalu. Amakhaya amaninzi aphelile sesi senzo nobuhlobo obuninzi kugcwele nje abantu abajongene ngezikhondo zamehlo.
Sinako ukwenza ngcono, masikhulisane, sibenezifuba singabingombambo azihlali nto. Siyababulala abantu xa sisenza njalo.
Ngeenkcukacha: 079 284 175, katomnoku@gmail.com
Umqeqeshi weSundowns uncoma uLucas Ribeiro owonzakalise iPirates