Sinelungelo lokukhamisa sityhale?

Ukususela ngomnyaka ka1994 mhla safumana inkululeko yethu epheleleyo eMzantsi Afrika, safunda amagama amatsha ayinxalenye yolawulo lwentando yesininzi.

Namhlanje ndiyafuna ukhe sihlalutye la magama athi ukuthetha ngokukhululekileyo, le nto amaNgesi athi yi-Freedom of Speech.

Ngamaxesha engcinezelo ukuthetha ngokukhululekileyo kwakungavumelekanga ngenxa yokuba nguzwilakhe kaRhulumente welo xesha. Ewe, lona ilungelo eli lokuthetha ngokukhululekileyo lihle, kodwa uninzi lwethu amaxesha amaninzi silisebenzisa ngeendlela ezigwenxa.

Umzekelo ophilayo nokufuphi wokusetyenziswa gwenxa kweli lungelo uwubona kumadonga wonxibelelwano (social networks), apho kulula ukuba umntu akhwele ezehlela kubanye abantu.

Xa ezikhusela lo mntu abike eli lungelo lokuthetha ngokukhululekileyo. Kukho umohluko phakathi kokuthetha ngokukhululekileyo kunye nokunyhasha amalungelo abanye abantu xa usenza njalo.

Lo mohluko ukhe wacaca gca kunyaka ophelileyo xa inenekazi uPenny Sparrow lithethe gwenxa ngabantu abamnyama kwicwecwe lakhe lonxibelelwano.

Omnye angamthethelela lo kaSparrow ukuba lilungelo lakhe ukuthetha ngokukhululekileyo kwicwecwe lakhe, kodwa kuyo yonke lo nto wanyhasha amalungelo abanye abantu. Lo ke ngumzekelo omnye kulwandle lwemizekelo ekumila kunje.

Sonke sikhululekile kwaye sinamalungelo, kodwa kufuneka silumke ukuba xa sisebenzisa awethu amalungelo singasengeli phantsi awabanye.

Kwezomthetho kukho into ekuthiwa kukonyelisa igama lomntu (defamation of character), eli lityala elinesihlahla ukuba umntu lowo uthe wathetha ngaye unokumangalela.

Ithi ke lo nto kufuneka ungumntu ukhe uhambele kude ekuchubeni nasekuthetheni ngamagama abantu ngokuba yonke lo nto ingakujikela kakubi, uzibone usenyuleni ekunganzima ukuphuma kuyo.

Baliqela abantu abathe baphulukana nemisebenzi yabo ngenxa yokubhala izinto ezigwenxa ngomphathi okanye indawo leyo umntu aqeshwe kuyo.

Xa uza kuba ligagu lokubhala izishiqi ngamagama abantu yazi ukuba, nokuba umntu lowo akayiboni okanye akekho phambi kwakho ukhona umntu ozakumphakela olo daba lunjalo. Wena mhlawumbi ungacinga usebenzisa ilungelo lakho lokuthetha ngokukhululekileyo, kanti ngaxesha linye unyathela ilungelo lomnye umntu.

Cinga phambi kokuba wenze. Umntu mhloniphe nokuba umsindo wakho ubila kangakanani na, uMzantsi Afrika omtsha usekelwe phezu kwaloo migomo.

Ngokwasemthethweni, awukwazi ukuzathuza ngokuthi ubungayazi ukuba wophula umthetho xa usenza into ethile, le nto ngesilungu kuthiwa “pleading ignorance.”

Ingalo yomthetho inde kwaye ukunyhashwa kwamalungelo omnye umntu yinto iinkundla zeli lizwe eziyithathela ingqalelo kakhulu.

Ithi ke lo nto, iintetha ezizakukhubekisa okanye zilimaze igama lomnye umntu mazingoyanyiswa nawe, hlonipha abanye khona ukuze nabanye bakuhloniphe.

Mhlawumbi le nto yokungcolisa okanye yokuthetha gwenxa ngomnye umntu, yinto esukela emazantsi endlela esikhuliswe ngayo kumakhaya ngamakhaya, apho ukuhleba ngomnye umntu kuyinto evumelekileyo nengasinekelwayo.

Ekukhululekeni kwethu masinganyathelani kuba elowo nalowo esithi unelungelo lokwenza nantoni na anqwenela ukuyenza. La malungelo sinawo enzelwe ukuba sonke sixhamle kwizinto zesizwe sethu kungekho nto isithintelayo ukuba siphumelele apho sinqwenela ukuphumelela khona.

Xa ungayiqondi into buza kwabo ucinga ukuba banganolwazi lwayo. Kwaye ke nomgaqo siseko kweli lizwe uyafumaneka simahla kumacandelo ngamacandelo karhulumente.

Kaloku umthetho wenzelwe ukuba usikhusele sonke, masingawoni ke. Yiba nesisa, hlonipha amalungelo abantu bonke, qhobosha ulwimi lwakho ukhe unciphise ngokuthetha ngamagama abantu. Makube chosi kube hele!