Singabavotela oozimelegeqe?

Inkundla yoMgaqosiseko kweli ithi kumele ukuba urhulumente olawulayo enze iinguqu kumthetho wezonyulo wenziwe uvumele ukuba abantu bavotele iziqu.

Umbuzo wethu ke uthi, ingaba kulungile ukuvotela iziqu okanye oozimelegeqe? Xa siphendula lo mbuzo kumele ukuba sijonge kwimbali nomzila wemibutho yezopolitiko eAfrika. Le mibutho isebenze nzima ukulwela inkululeko yabantu baseAfrika, kodwa uninzi lwayo ijike yalutshaba lwabantu ebibalwela.

Ilizwe lokuqala ukukhululeka kweli lizwekazi laseAfrika iGhana, lalawulwa nguMongameli uKwahme Nkruhma owathi kamva wabhukuqwa. Oku kwenzeka phantsi kombutho wakhe wezopolitiko iConvention People’s Party, uthandwa, uxhaswa luluntu lonke eGhana.

Ngeminyaka yoo1980, abantu baseZimbabwe (Rhodesia) banikisa ngenkxaso yabo engagungqiyo de badibanisa imibutho equka iZAPU neZANLA ngeenjongo zokukhulula ela lizwe, kwalawula iZANU-PF. Emva kweminyaka engamashumi amabini ulawula lo mbutho bakruquka abantu kukuxhatshazwa, ubusela nokulawulwa ngogonyamelo. Sibalula nje embalwa kuyo, mininzi kakhulu imibutho yezopolitiko ephoxe abantu baseAfrika.

Xa ukhangela amanani wabantu ababevote ngo1994 kweli loMzantsi Afrika, lo nto ikuxelela ukuba ngenene abantu babeyithembile imibutho yezopolitiko ngenxa yomzila wokulwela inkululeko.

Kwiminyaka embalwa emva koko ngomhla wesibhozo kuFebruary ngo1997, kwavela iimpawu zokungoneliseki yimpatho yombutho owawulwele inkululeko, kwasekwa iUDM nguGeneral Bantu Holomisa.

Phantsi kuwo onke ke amazwe aseAfrika kwenzekile oku. Oku kukonke kubonisa ukuphelelwa komkhitha wemibutho elwele inkululeko.

Amanani abantu abangavotiyo kweli ayenyuka minyaka le kuba bekruquke kukuxokiswa yimibutho yezopolitiko eyayilwele inkululeko naleyo ivuke mva.

Ukuvotelwa kweziqu okanye oozimelegeqe kulonyulo lukazwelonke ePalamente kuyakunceda ukunika inyoba entsha kuluntu oluphelelwe lithemba kwimibutho yezopolitiko ebilwele inkululeko.

Xa ujonga amanani wabantu abalandela iziqu ezinkonzweni nakwezinye iindawo ufumanisa ukuba abantu bayazithemba iziqu ngaphezu kwemibutho. Khumbula kakuhle amaxesha okuvotelwa kwemibutho ekwakusithwa yiTINIP eTranskei, uluntu lalingazi kangako ngombutho kodwa lalisazi isiqu eso sivotelwayo.

Okanye abakhankasi ubufika bethetha kakhulu ngesiqu eso endaweni yokuthetha ngombutho. Xa izinto zingahambi kakuhle emva kokuvota umvoti wozisola yena xa ephoxwa ngulowo amvoteleyo, engasoli mbutho.

Akulula nokuthetha koluntu nale mibutho okanye ukuviwa kwezimvo zoluntu yile mibutho.