‘Singamaqabane hayi izithandani’ – Zizi Kodwa

Isithethi seANC kuzwelonke uZizi Kodwa

 Isithethi seANC kuzwelonke uZizi Kodwa uthi xa amalungu alo mbutho efikelele kwinqanaba lokungavisisani, nanjengoko kusenzeka eMpuma Koloni, okubalulekileyo kukubeka phambili umbutho.

 

“Xa ulilungu leANC, ingakumbi xa ukwinqanaba lesikhokelo, kufuneka ukwazi ukuthetha namaqabane lawo ungavisisani nawo. Asingamaqabane azizithandani, singamaqabane ahlonipheneyo. Sonyulwa ngabantu ukucaka abantu baseMzantsi Afrika, hayi ukuba zizithandani,” utshilo uKodwa.

 

UKodwa ebethetha noonondaba e-ICC eMonti apho amalungu ekomiti esebenzayo yeANC (National Working Committee) ekhokelwa nguMongameli weANC ebezimase indibano kwakunye nekomiti embaxa yephondo bemamele iziphakamiso zayo malunga nenkomfa yakutshanje yombutho apho kwathi kwabethwana ngezitulo kushiyeka inkitha yabathunywa yonzakele.

 

Umlo owabangela lo qulukubhode wawuphakathi kwabaxhasi bakaOscar Mabuyane owaphumelela kwisikhundla sokuba nguSihlalo esohlula iNkulumbuso uPhumulo Masualle, obefuna isihlandlo sesithathu kwesi sikhundla.

 

Ubuninzi bemini yangoMvulo buchithwe kumanyelwa amalungu ekomiti embaxa yephondo (PEC) esandula ukonyulwa, nalapho le komiti ibixelela iinkokeli zikazwelonke ukuba inkomfa yaqhuba ngokulandela imigaqo nemiqathango yombutho.

 

“Kwi-ANC asinalo utshaba, ewe akhona amaxesha okungavisisani. Okubalulekileyo kukuba amaqabane angonelisekanga kufuneka anikwe ithuba lokuphalaza imbilini yawo,” utshilo uKodwa.

 

UKodwa uthi ingxoxo ebiqhuba e-ICC ibingajolisanga ekuchitheni isikhokelo sikaMabuyane koko ibimalunga nokumamela izibheno zeqela elixhasa uMasualle.

 

Oonokrawuzane bathi iPEC iwubekile umcimbi etafileni isithi konke okwenziwa kwinkomfa yakutshanje kwenziwa kuqwalaselwe imiqathango nemigaqo yombutho.

 

UKodwa uthi iNWC izakuthatha ingxelo iyise kwikomiti embaxa (NEC), ezakuhlala ingaphelanga le nyanga izayo, ze iNEC ithabathe isigqibo sokuba ishiyeka elulawulweni kusini na isikhokelo sikaMabuyane.