Singamaxhoba wabantwana bethu

Ibali lanamhlanje elikwiphepha lokuqala lithetha ngendoda ebulala amanina eDikeni. Ukuzothi ga ngoku kuthiwa sele ebulele amanina amathathu.

Ukuqala kwethu ukuva ngalo mba sithunyelelwe iimbalelwano ngabafundi bakwiYunivesithi yaseFort Hare. Sibhala nje ngoku kusavungu-vunguzwa emahlathini akwaNtselamanzi; kukhangelwa esi sirhalarhume sendlavini.

Apha eMzantsi Afrika kubulawa abantu abangama-52 qho ngosuku nje olunye, kudlwengulwa umfazi omnye qho emva kwemizuzu elishumi elinesihlanu okanye singathi kudlwengulwa amanina angama-96 qho ngemini kweli laseMzantsi Afrika.

Ngoobani aba bantu babulala abantu abangama-52 qho ngemini? Ngoobani ezi zidlwengu? Ngabantu esibaziyo; ngootata bethu, ngoobhuti bethu, ngoodade bethu. Ayingobantu abasuke bathi gqi nje esithubeni.

Ngabantu abazalwa ngabanye abantu. Ngabantwana babantu. Ngoko ke sinomngeni wokuba sibe ngamaxhoba abantwana bethu.

Bubangelwa yintoni ubundlobongela obungaka? Makhe siqwalasele iphondo eli laseMpuma Koloni. Apha ephondweni sinabemmi abangapha kwezigidi ezintandathu. Sikwalelona phondo libhuqwa yintswela-ngqesho kweli loMzantsi Afrika; siku 35.5% yabantu abangasebenziyo abakwiminyaka yengqesho.

Xa uqwalasela iminyaka ekulindeleke ukuba siyiphile apha ephondweni kuthiwa amadoda kulindeleke ukuba abhubhe pha kwiminyaka engama-58, abafazi bona babhubha pha kwama-64.

Ophila ngapha kwale minyaka uthamsanqelekile nyani. Kwakhona, siyabuza ukuba ngoobani aba basingcungcuthekisayo?

Besingcungcuthekisela ntoni? Ingaba kukuba bengenayo imisebenzi? Xa ungenamsebenzi uye ube sisikrelemnqa? Uhambe ubulala abantu? Okanye mhlawumbi singathi ziziyobisi? Qho kusoloko kusithi gqi iziyobisi ezintsha; eyona intsha yiZombie, ulutsha luqhunywa imihla nezolo yiyo. Senza ntoni ukunqanda oko?

Ingathi kuzakufuneka singenelele sonke kumba wokuqinisekisa ukuba abantwana bethu ababulali bantu, abadlwenguli bantu, abaqhekezi mizi, abaqhunywa ziziyobisi, njalo-njalo.

Luxanduva lwethu olu sisonke. Noko, asinokuba ngamaxhoba abantwana bethu. Hayi.