Singaphazamiseka isikhumbuzo sikaWinnie eKapa

Ongasekhoyo uMam' uWinnie Madikizela-Mandela

KAPA: Abantu abazibiza ngokuba
ngamalungu eANC kumasebe awohlukeneyo kweli leKapa bagrogrisa ngokumphazamisa
esathetha eqongeni uMandla Mandela kwinkonzo yesikhumbuzo yegqala lomzabalazo
weli umama uWinnie Madikizela-Mandela.

Namhlanje, umbutho weANC kweli phondo leNtshona Koloni
uququzelela inkonzo yesikhumbuzo ekulindeleke ukuba ibanjwe kwiholo iOR Tambo
ngenjikalanga yanamhlanje.

Kwizithethi eziphambili kule nkonzo kulindeleke uMphathiswa
uNaledi Pandor, uSomlomo weNdlu yoWisomthetho uBaleka Mbethe kunye noNkosi
Mandla Mandela.

 Kumanye amasebe avakalise
ukuba awazokuvumela uNkosi Mandla athethe, kuquka uWard 84, 85 no102 nezinye.

Aba bathi
uNkosi Mandla akazange amphathe kakuhle uMadikizela-Mandela esadl’ amazimba
kwaye wenze uphela sonwabe wamazwi ngethuba kuvakala ukusweleka kwakhe nefani
yakwaMandela wayikhuphela ngaphandle nangona uMam’ uWinnie ebesayisebenzisa.

Usomlomo weANC kwinqila iDullar Omar uKhaya Yozi uthi:  Nam ndiyahambisana noluvo lokuba
anganikwa qonga lokuthetha ngomama uNkosi Mandla, kodwa andivumelani nokuba
asuswe kakubi eqongeni kodwa  kucelwe
kakuhle ukuba angaphosi zwi.”

UMadikizela-Mandela usweleke ngoMvulo umhla wesibini kule nyanga
eneminyaka engamashumi asibhozo ananye ubudala.