Singcungcuthekiswa ngamavondo

Mna ndingowaseLusikisiki, oko kwabakhona le nto yamavondo asisahlalanga kakuhle ngoba sawaxelelwa amagama awo, kodwa akhona siphila nawo, into embi ke kwabanjwa abantu abangenzanga nto phofu beqalwe babethwa ngabahlali.

Oonondaba bazamile ukuyiphanda le nto kodwa amapolisa alapha ayaphika ukuba kukhona abantu ababanjiweyo, noCutting Egde wakhe weza kodwa lutho umahluko, suke kwakhona ipolisa elithi liyandithanda, xa ndithi malivele ndilibone lindithumelele umfanekiso walo, gqibe lathi ndingalibulalisi ngeVondo lam. Ndingazi ke noba ndinevondo na mna.

-Ongafuni kuchazwa