Singena phi kwiinkolo zabanye?

Kule veki iphelileyo sipapashe uphando lwethu ngomfundisi othile waseMqanduli otyholwa ngokuqhasa abafazi bamanye amadoda. Siyabona ukuba sachukumisa abantu abaninzi eso sibhalo kuba abantu basibhalela besithi lo mfundisi wehlisa isidima samaWisile, makagxothwe. Kubekho abathi banjalo bonke abafundisi bakutshanje, njalo njalo.

Umbuzo ke ngoku ibe ngowokuba abantu bayela ntoni ecaweni?

Uyakufumanisa ukuba uninzi luya kuba lufuna ukuqinisa ukholo lwabo, kodwa kukho abaya kuba bakhula besiya – iyicawe yakokwabo, abanye bayela uncedo olusuka kulowo bamkhonzayo kulo cawe yabo.

Kutshanje kukho nento yokuba iicawe ezithile zingakwenza ube sisityebi. Ezinye kuthiwa ziyaphilisa; umntu uya engaboni ancedakale akwazi ukubona, obengakwazi ukuhamba akwazi ukuhamba, nabanezifo bancedakale….

Lukholo ke olo, kwaye asinokwazi ukugxeka nabani na okhetha ukuya ecaweni ngethemba lokuzuza ezi zinto sizikhankanywe ngentla.

Kodwa siye sithini xa kukho umfundisi othile othatha iDoom le yamaphela neempukane ayithsuthsuze kumarhamente akhe ngelithi izakubaphilisa? Ibe ke phofu ibhaliwe ukuba inetyhefu.

Siye sithini xa umfundisi esithi abantu mabalale endleleni abanyathele ngemoto? Siye sithini xa abantu beseliswa ipetroli ecaweni? Zizinto ezenzekayo ezi.

Kule veki ngumfundisi oneminyaka engama-24 waseMount Zion General Assembly Church ofake amarhamente iDoom ngelithi uthunywe nguYesu.

Imifanekiso yesi senzo inwenwe okomlilo kumnatha wonxibelelwano uninzi lwabantu lusithi makabanjwe lo mfundisi. Ingxaki yeyokuba akanokubanjwa ngoba aba bantu ebebafaka iDoom khange bayokuvula matyala. Abanangxaki nokufakwa iDoom. Sithi babukeli nabafundi abanengxaki.

Lo nto ihamba ihambe ithi singena phi kwiinkolo zabanye abantu? Sisigqibo sakhe umntu ukuba aye kweyiphi icawe.

Siqinisekile wonke ubani unezizathu zakhe ngenkolo yakhe.

Masingangxameli ukugxeka.