‘Sinika imbeko kumsebenzi weminyaka’

“Kudala uNkosi Ngangomhlaba wabayinkokheli enesakhono esisodwa ekuhlaleni, mna ndimqaphele ngonyaka ka1974 kwiilali zaseCofimbava esenza izinto ezinceda isizwe yonke imihla.”

Oku kuthethwe nguNjingalwazi uMaholo Mbesi weyunivesithi yabucala iTrinity International Bible University emva kokuba eliziko lithe lavava ngesidanga sobugqirha uNkosi Ngangomhlaba Matanzima.

“Ebengumphathiswa wesebe lezolimo eTranskei nalapho athe wazibonakalisa ngokuphucula umgangatho wolimo, wazisa inkqubo ezininzi ezithe zaguqula impilo zabantu,” uthethe watsho uMbesi.

Le yunivesithi izinze eMossel Bay kweleNtshona Koloni inamasetyana kwiindawo ezahlukeneyo zoMzantsi Afrika. “Xa ethetha lo mfo kumamela wonke umntu omncinci nomdala, kuba intetho yakhe itsala umdla kuye wonke omameleyo, uyaxhobisa,uyakhuthaza ekwafundisa ngeentetho zakhe,” uncome watsho uMbesi.

Uhambisa athi le yunivesithi izimisele ukunika imbeko ngokuwonga ngesidanga kwabo basebenzela uluntu.

Ethetha ngeli wonga, uNgangomhlaba Matanzima uncome abazali bakhe.

“Ndibulela kubawo ondizalayo uThambekile Matanzima ngendlela awandikhulisa ngayo ukuba ndihlale ndihloniphe, ndithobele, ndithembeke kwaye ndigcine izigqibo zabantu, yilo nto eyenza zonke izinto,” uthethe watsho uMatanzima.

UMatanzima kwiintsuku zakhe zokugqibela njengosihlalo wendlu yeeNkosi eMpuma Koloni, kodwa uthi akasokuze ayeke ukusebenzela abantu.

“Ndizimisele ukuchitha iintsuku zam zokugqibela ebomini ndisenza umsebenzi wokulwisana neengxaki eziquka ukuxhatshazwa kwamakhosikazi nabantwana eMzantsi Afrika nezinye,” uthethe watsho uNgangomhlaba.

Le yunivesithi inamasebe kwihlabathi kwindawo eziquka iCanada, Jamani kunye neSingapore. Ugqirha Ngangomhlaba Matanzima uthi yimanyano yabantu beli izakwenza ukuba iphucuke imeko yentlalo.

“Kufuneka sidibanise izandla singabantu belizwe loMzantsi Afrika silwe nazo zonke iingxaki ezitshutshisa abantu belizwe lethu,” utsho uNgangomhlaba.

Le nkokeli iyaziwa ngeentetho zayo ezikhuthaza ngamandla xa ithetha iyala amakrwala abuya esuthwini, iiNkosi ezingena ebukhosini kwanamakhosikazi eeNkosi ngokuwaxhobisa.

Ukanti uNjingalwazi Mbesi uthi bakwiphulo lokukhangela abantu abazibaluleyo emsebenzini wabo wasekuhlaleni ukuze babawonge ngesidanga sobugqirha.

“Sijonge ukukhangela ezinye iinkokheli kunyaka ozayo sizikhuthaze ngokuzinika imbeko, ngokuziwonga ngezidanga ezifana nesi,” ucacise watsho uMbesi.

Isebe lezemfundo ephakamileyo kweli lingqinile ukuba eli ziko iTrinity International Bible University isemthethweni. UNondumiso Mnguni uyakungqina oku.

“Liziko elisemthethweni elizimeleyo eli, alikho phantsi kwamaziko angovukengceni aziwayo,” ucacise watsho uMnguni.