‘Sinikwa iitapile ezibolileyo endaweni yomrholo!’

Abasebenzi basezifama nasemahlathini kwidolophu yaseUgie kwilokishi iLandcamp bebegcwalise iHolo yasekuHlaleni kulo Mgqibelo sisuka kuwo, kwintlanganiso ebikhokelwe ngumfelandawonye wabo uANA.

Aba basebenzi bakhalaza ngokungabhatalwa ngabaqeshi babo abamhlophe, bambi bathi banikwa iitapile ezibolileyo okweehagu ukuba bazitye endaweni yokunikwa imali yabo.

ULuzuko Gebhu nongusihlalo walo mfelandawonye, uthi indlela abaphatheke ngayo abasebenzi phantsi kwesandla sabaqeshi ayintle kwaphela. Okokuqala ababhatalwa ngendlela ebekumele babhatalwa ngayo, umsebenzi mkhulu, imali incinci.

Kwaye bathe bakuzibandakanya nomfelandawonye, uninzi lwagxothwa nto leyo eyenze ukuba babhenele kumbutho wabahlali osandula kusungulwa nokhokelwa nguGqirha Zukile Luyenge iIndependent SANCO. UGqr. Luyenge uthethe wenjenje: “Thina singumbutho wabahlali iSANCO, asingombutho wapolitiki kwaye singafani nayo naleyo ezibiza ngoba iyimibutho yabahlali kodwa ibe iphantsi kweempembelelo zepolitiki. Usebenza ungasebenzi ungumhlali ekupheleni kwemini. Imibutho yezopolitiko yabohlulahlula abantu bakuthi nto leyo engenisa utshaba kwisizwe esimnyama. Kulo umbutho asinaxesha lapolitiki, into esiphezu kwayo kukunceda umhlali. Le yala mafama ahlukumeza abantu siza kuqondana nayo njengabahlali kodwa sohlukane nomkhwa wokuthi xa sinesikhalo sitshise izinto.”