La ngamazwi athe avakala kwisandisi-lizwi kumbindi wedolophu yakuKomani, phambi kwendibano yabahlali baseKomani abangonwabanga. Emva kokungoneliseki kwabahlali yindlela asabele ngayo urhulumente kwizicelo zabo zokucela uncedo, iKomani Shutdown iqhubekile izolo. Iyeyama ngxi le dolophu nanjengoko abahlali bebenyanzelisa ukuba kuchithwe umasipala waseEnoch Mgijima.
Olu kuvalwa kwedolophi lukhokelwe yimibutho emininzi abathi bonke bangabahlali baseKomani hayi imibutho eyahlukileyo. NgokukaThulani Bukani weIndependent Komani Residents Association, olu dushe luqale ngo2018.
UBukani uthi abahlali baqale uqhankqalazo ngo2018 belindele ukuba urhulumente wephondo angenelele, oku kuxa uFikile Xasa ebenguMphathiswa weSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli (Cogta) eMpuma Koloni. Ityala likamasipala kunye nemiba iye yaba mandundu xa oomasipala bengingqi badityaniswa. UBukani uthi, obesakuba ngumlawuli wephondo (provincial administrator) kumasipala waseEnoch Mgijima, uVuyo Mlokoti, wafumana ubungqina benkcitho engafanelekanga kwingxelo yakhe yokuqala, nethe yabhentsisa lo masipala usengxakini.
“Ngoku, bekukho uMmeli weKhabhinethi kaZwelonke (NCR). Ngokwesiqhelo, umasipala akanakuqhutywa ngabalawuli (administration) ixesha elingaphezu konyaka. Kuba kujongwe ukuba umasipala angakwazi na ukuzalisekisa izibophelelo zakhe eyedwa, ulawulo lunexesha elibekiweyo.
“Ukuba igqiba unyaka phantsi kolawulo loo nto ikubonisa ngokucacileyo ukuba ayinakuzimela yodwa. Ngako oko, ukuchithwa kukamasipala kunye nokuqala phantsi linqanaba elilandelayo. Kodwa akukho nanye koku yenzekayo; amaqabane ayakhuselana, kwaye abeka phambili imivuzo yawo ngaphezu kwentlalontle yoluntu,” utshilo uBukani.
UBukani uthe iziseko zophuhliso ziyawohloka, izakhiwo ziyatsha, kwaye akukho mntu uthatha uxanduva. Uthi iimoto ebezisetyenziswa ngoomasipala bangaphambili sele zisetyenziswa kwiifama zamaqabane.
“Ezi moto zii-asethi zabahlali; azizange zongezwe kwiimoto esele zikhona ukuze zincede uluntu. Abasebenzi bakamasipala baboleka izixhobo zokusebenza eluntwini. Abanxibi yunifomu; endaweni yoko, banxiba ijean neeteki zabo. Leyo yintlungu ekufuneka siyinyamezele phantsi kwalo masipala,” utshilo.
UMncedisi Mbengo weKomani Protesters Action uthi bothukile kukuva ukuba iNCR imise ePitoli xeshikweni esebenzela umasipala kuba efumene izoyikiso zokubulawa kwanyanzeleka ukuba abaleke ukuze azikhusele.
“Sabiza umphathiswa [Nkosazana Dlamini-Zuma] sacela ukuchithwa kwalo masipala. Asifuni nokuva bethetha ngokuhanjiswa kweenkonzo kuba basilela ngethuba bephethe iminyaka elishumi. Iibhiliyoni zeerandi abazifuna kurhulumente kazwelonke, sithi, buqhinga. Iya kubo,” utshilo.
Uqhube wathi, “Ukuba umasipala akachithwanga, sifuna ukuba iNCR ekhokelwa nguGqirha Tom ilawule lo masipala. Ngamanye amazwi, umlawuli kufuneka abe ngusodolophu kwaye onyule iqela lakhe kwizikhundla kangangeenyanga ezintathu, apho kufuneka lilawule umasipala.”
Abahlali baseKomani ababonakali betyhafile yinto yokuba le ndawo isachacha ngenxa yezikhukhula. IKomani Shutdown kuqikelelwa ukuba kuya kuba mandundu ukuba urhulumente akakhawulezi enze into, nanjengoko abahlali bephelelwa ngumonde.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10