Siphi na!? Siphila kwaGuptayihlekisa Zuma

Ingxolo isuke yaninzi mva nje malunga nokubanjwa kombuso ngobhongwana, le nto kuthiwa si-State Capture ngesiNgesi.

Ubangavela ngapha kuthethwa ngosapho lakwaGupta ekuthiwa lilo elibambe lorhulumente ulawulayo ngobhongwana. Ukuba siyakhumbula kakuhle, ingxelo yokugqibela yomkhuseli woluntu uThuli Madonsela yayikwa ngalo mba.

Kwindlu yowiso mthetho igwijo belikhe lalinye, lisithi uZupta makawe. UZupta ke lo sisidibaniso sikaZuma noGupta. Sizibonile iingxilimbela zamadoda zilila esidlangalaleni ngenxa yokubandakanyeka kwamagama abo kulo mbandela.

Mna bendicinga noko iyakuba sele ifunyanelwe isisombululo le nyewe, kodwa tu. Endaweni yoko kuye kusanda ukuthetha ngayo, kwaye umhla nezolo kuvela ubungqina obutsha obuveza ukuba inene umbuso lo wethu ubanjwe ngobhongwana ngumzi wakwaGupta.

Phambi kokuba nathi sityatyadule ngalo mba, kungakuhle ukuba sikhe sijonge intsingiselo yombuso. Yintoni umbuso ngokwezopolitiko? Ziintoni ezenza umbuso?

Xa sishwankathela ukuba umbuso yintoni sithi, yindawo nabantu abaphantsi korhulumente omnye. Umbuso waseMzantsi Afrika wenziwe zizinto ezintathu: Okokuqala, yindlu yowiso mthetho.

Okwesibini, zezomthetho okanye ezobulungisa. Okwesithathu, lela qumrhu kuthiwa yikhabhinethi.

Indlu yowiso mthetho siyayazi sonke yipalamente, nehlulwe yazizintlu ezimbini. Kukho le kaZwelonke, usomlomo wayo inguBaleka Mbete; kubekho nebhunga likazwelonke lamaphondo, eli usomlomo walo inguThandi Modise.

Ezomthetho nezobulungisa, eli ke icandelo lenziwa ziinkundla zamatyala ezine: inkundla kaMantyi, inkundla ephezulu, inkundla yezibheno, ziyokuqhina kwinkundla yomgaqo-siseko.

Ikhabhinethi, neyilelona qumrhu liphezulu eburhulumenteni, yenziwe ziziqu ezinezikhundla ezithile. Kweli qumrhu kukho umongameli wesizwe, usekela wakhe, kunye nabaphathiswa bonke bamacandelo ngamacandelo karhulumente.

Xa ke ngoku le nto uyijonga ngolu hlobo lokuba umbuso uyintoni ncakasana, ungaphinda uthi olu sapho lakwaGupta luwubambe ngobhongwana umbuso?

Umongameli wakhe wazithethelela kwingxoxo mpikiswano eyayikho ngolu hlobo, waza umongameli weqela eliphikisayo le-EFF uJulius Malema, wamphendula ngelithi ukuba intloko yombuso ibanjwe ngobhongwana, lo nto ithetha ukuba umbuso wonke ubanjwe ngobhongwana.

Ndiyafuna mna ukungqinelana nalo kaMalema ukuba liyinyani elo lokuba xa inkokheli iphantsi kwezinye iimpembelelo, lo nto ithetha ukuba nesikhokelo aza naso siphantsi kwaloo mpembelelo naso.

Aliqela noko amaqabane aze ngaphambili esithi akhe abizelwa kwikhaya lakwaGupta enunuswa ngezihlalo zobungangamsha ukuba azakudanisela isigingci solu sapho.

Umbuzo wam ngowokuba ingaba olu sapho luwathatha phi amandla okuthembisa, abe izihlalo zikarhulumente?

Mnye umntu onologunya ngokomthetho walapha eMzantsi Afrika, ngumongameli wesizwe. Ingaba lo kaZuma ulithengisile eli lungelo kwaba bakwaGupta? Kudala sizibuza le mibuzo kodwa nkqi ukuphenduleka.

Enye into mna eyenza uboya bam bungalali, yile ndyebo ingaka usapho lakwaGupta eliyinike unyana kamongameli, uDuduzane Zuma.

Eli tyendyana linezabelo kumashishini amanzi osapho lakwaGupta. Kwaye kwiminyaka emibini edlulileyo, uDuduzane lo, uye wathenga umzi kwilizwe lase-Dubai oxabisa izigidi ezilishumi elinesibhozo ngoncedo lakwaGupta namahlakani olu sapho.

Ukanti kukho neencwadana ezijikelezayo ezityhola ukuba umongameli wesizwe uceba ukufudukela kwelase-Dubai kungentsuku zatywala. Uyazibona phofu ukuba zikhulu ezi zityholo zityatyekwa umongameli wesizwe?

Xa uwujongile lo mfanekiso isuka ibengathi uDuduzane Zuma lo umele uyise kuyo yonke le nto, kwaye kuza kuthi ekuhambeni kwexesha kuvele lubala ukuba le ndyebo kakade ngubani umniniyo.

Ingaba sesithengisiwe isizwe sagqitywa, singazi thina? Xa uMongameli engenzi uphando esidlangalaleni ngokumisela ikomishoni, ithetha ukuba ityala limombethe nyani?

Ngokomthetho, ukuba umongameli akayimiseli ikomishoni yophando, isekela lakhe linelungelo lokwenza oko. Cyril Ramaphosa vela sikubone, awukhathali sitshabalala nje?