Siphoswa yimizi

Molweni ngale ntsasa izole kangaka yesentlakohlaza. Ndingumhlali apha eMdantsane eWard 11.

Imbi into esikuyo apha kule ward. Saqala ukubhalisela izindlu ngo-2015, zavunywa izicelo zethu ngurhulumente, yajika imali sisajonge ulwakhiwo. Nangoku kusathe cwaka qha into eyenzekayo uceba omdala uphazamisana nalo ceba ukhoyo ngoku, isizathu saloo nto asisazi, usodolophu kaMasipala ombaxa ufikile kwade kakabini kodwa akazi nanto inesihlahla ebantwini ukuba bayakwakhelwa nini na. Imbi into esikuyo abantu bayafa bengekahlali nakwezo zindlu.

Iziqiki ezizakwakhelwa yiDaluxolo kwa-6 yona iyaqhuba kodwa kancinci, Walter Sisulu yaqalwa inezindlu kodwa kunzima ukuba igqitywe, zikhona ezimbalwa kakhulu ezigqityiweyo zapeyintwa kodwa azikangeni Bantu, Yhooo esona sokugqibela ekuthe cwaka mpela ngaso, apho kufa abantu khona iWinnie kwa-5c akukaqalwa kwanto, siyacela ukuba ikhona indlela nikhe nisiphandele ukuba kanye- kanye kwenzeka ntoni kulo Masipala wethu, sikhathazeke kakhulu singabahlali bezi ziqiki kuba sibona kuhlunyezwa amalungelo ethu.

– Umhlali, eMdantsane