Siphume nodlolwazana isichotho esikhatshwa yinkanyamba

Elinye lamaxhoba elimkelwe ngumzi kwinkanyamba ebikhatshwa sisichotho eAlfred Nzo ngoLwesithathu. Umfanekiso: Umbhali Wethu

Kubhubhe ixhegwazana emva kokuwelwa yindlu, kwasala iintsapho zingenandawo yokufihla
intloko, emva kwesichotho esitsho ngamandla sikhatshwa yinkanyamba kwisithili
iAlfred Nzo, ngenjikalanga yangoLwesithathu.

Ixhegwazana
elina-72 yeminyaka ubudala libhubhe eMombeni eMaxesibeni emva kokuwelwa
lidonga lwendlu yalo. Ziqikelelwa kumashumi ababini iintsapho ezisele
zingenamakhaya uninzi lumkelwe ngamaphahla ezindlu ngenxa yale nkanyamba.

Sisiganeko
sesibini esikumila kunje kulo mmandla kwezinyanga zimbalwa zidlulileyo.
Kwinyanga yomDumba ebutsheni balo nyaka kwasweleka umntu kwakwisichotho
esasikhatshwa yinkanyamba.

Iilali
eziphantsi kwedolophu yaseMaxesibeni kuWard 7, iSantombe, iMbombeni, iLubhalasi
zizo ezithwaxwe ngamandla. Phakathi kwamaxhoba lusapho, lakwa Mamadiba
Sigu (44) olumkelwe zizindlu zontathu ebezimagumbi amahlanu. 

UMamadiba
obematshekile ebengakwazi nokuyichaza imeko yakhe kodwa intombi yakhe ekubone
konke okwehlileyo uPheleka Sigu (22) uthe: “Sibone ilifu elimnyama,
kwavunguza umoya omkhulu, savalekela kwindlu esentsha yabe seyigaleleka
imvula. 

Sothuke
xa kusitha thaa ilitha kanti kukumka kophahla. Sibalekele ekhitshini kodwa
nalapho safika iphahla limkile yonke into imanzi.”

Olu
sapho lithi lishiyeke iintliziyo zingamahlwili, lingayazi ukuba
lizothini. Uceba wale wadi uSibongile Danisa ebemanxadanxada ejonga
umonakalo ezamela iintsapho ezingenandawo kubamelwane kokuhlwa
kwangoLwesithathu. 

Uthe
sisiganeko esikhwanqisayo nesishiye uluntu lynyembezana. Ucele amancedo kuye
nabani onokunceda ngezinto nezokutya nokuwakha ukuba baphose esivivaneni.

USodolophu
waseAlfred Nzo, uSixolile Mehlomakhulu ekunye namagosa alo masipala kulindeleke
ukuba atyelele amakhaya amaxhoba, kuquka nelikamfi.