Siqaphela iveki yokuthintela iziganeko zemililo

Minyaka le ebusika, abantu bangeniswa kwizibhedlele ezininzi ngenxa yokutsha emililweni.

Kule veki siqwalasela iveki yokuqaphela iziganeko zokutshiswa ngumlilo. Inkqubo kaWorking on Fire yesebe lemicimbi yezendalo eMpuma Koloni, kutsha nje bisandul’ ukukhupha amathuba emisebenzi kubantu abatsha.

Ngokutsho kukaBheki Mhlabane oligosa loqeqesho kwiWorking on Fire eMpuma Koloni, bangaphaya kwamakhulu amathandathu aphuma kwiingingqi ezohlukeneyo kwidolophana yaseMatatiele, Cedaville naseKokstad basabele kwikhwelo lentengiso yeWorking on Fire yezicima-mlilo.

UMhlabane uthe, ngamashumi amabini anesibini kuphela abaphumelele kuvavanyo lokuzilolonga, nebeliquka ukubaleka umgama ka-2.4 km kwinto engaphantsi kwemizuzu elishumi elinesine, iipush-ups ezingama-40, iisit-ups ezingama-40 ngokunjalo nee-pull-ups.

“Eli lelinye lamaqela ongezelelweyo eli phondo lizakuba nalo kule sizini yomlilo wasebusika, kwaye lizakuncedisa kakhulu ukulwa nemililo kananjalo ukuthintela imililo kwingingqi yaseCedarville ekuthiwa yindawo ethandwa kakhulu yimililo,” utshilo uMhlabane.

Bathi bakwaqeshe umntu omnye okhubazekileyo ukuze ajongane nezinto ezidingwa ligqiza elo.

Ukwathe, eli phondo likwavule enye indawo eLongmore nalapho kuthatyathwe abantu abatsha abangama-23 apho.

UMhlabane ukwavakalise ukuba, eli lilinge lokunciphisa umngeni wentswela-ngqesho.

“Ngale nkqubo yeWorking on Fire sikwadala amathuba emisebenzi kubantu abatsha ephondweni ukuze sinciphise izinga lentswela-ngqesho,” utshilo.

Hlala uthe qwa ukuze usinde emlilweni kobu busika.