‘Siqatha isohlwayo sabantwana bethu esikolweni’

Umzali womntwana oyinkwenkwe oneshumi elinesithathu nongumfundi kwisikolo iKhulani kwaN.U3 eMdantsane, uthi noko siqatha isohlwayo esithe sanikwa abafundi abathathu besi sikolo nekukho owakhe umntwana, emva kokuba bathi bafunqula umntwana oyintombazana bemphathaphatha ngaphakathi kwigumbi lokufundela nto leyo yabizwa njengokuba zizenzo zesincwaso.

Aba bafundi bafunda uGrade9 kwesi sikolo. Lo mzali uthi unyana wakhe sele ede waba ngumntwana ohlala enomsindo endlini ngenxa yokuhlutshwa sesi sohlwayo wasinikwa esikolweni.

Umzali uthi bazinikwa zaba ntathu izohlwayo, esokuqala sesokugxothwa iintsuku ezisixhenxe kusithiwa bangathethi nabanye abafundi, banikwa imbalelwano yesilumkiso sokugqibela ze bayalelwa nokuba bacoce sonke isikolo ngaphandle nangaphakathi yonke imihla de babe bakhululwa yinqununu.

Umama womzali othethe nephephandaba I’solezwe uthi unyana wakhe wambuza ngokwenzekileyo, unyana wathi yinto abaqhele ukuyenza xa bedlala nabantwana abangamantombazana.

“ Ndifuna ukuqonda ukuba ingaba yinto elungileyo nale yokuba abantwana bethu bakhotyozwe. Mhlawumbi mna andiyazi into eyenzeka esikolweni kodwa noko ngoku andisathandi. Umntwana anditsho ukuba xa emoshile makangohlwaywa kodwa masingabi qatha isohlwayo, nabo mabacingelwe,” utshilo umazali.

“Okundihluphayo kukuba le meko yalo wam umntwana ichaphazela nathi apha endlini singenzanga nto thina. Uhlala engumntu onomsindo mvanje nongasafuni kuvuka xa kufuneka eye esikolweni. Esi sohlwayo siyamhlukumeza engqondweni simenza angasithandi nesikolo,” uvale ngelo umzali.

Uthi waya esikolweni eyoyiqonda le ngxaki, isikolo samxelela ukuba ungumzali othethelela umntwana. Esi sohlwayo siqale kwinyanga kaCanzibe kwiveki yokubhala iimviwo zabo zaphakathi enyakeni.

Umzali othethe neI’solezwe uthi, umntwana wakhe ebehleli engekho mhle kwizifundo zeziBalo esithi kuye kwaqatsela ukubambi kwiziphumo zakhe.

Isebe lezeMfundo ephondweni licebisa ukuba umzali onengxaki atsalele kwezi nombolo 081 121 2570.