Siqhekezwa njani isikhululo samapolisa?

Isikhululo samaPolisa saseNgqushwa ekuqhekezwe kwabiwa imipu ebalelwa kumashumi amathathu UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

“BESIHLELI singakhuselekanga kula mapolisa aseNgqushwa kuba xa uwafowunele athatha ixesha ukusabela, ke ngoku xa kubiwa imipu kwisikhululo samapolisa sakuba sathini thina kwizindlu zethu?”

Lo ngumbuzo wenkosikazi ehlala kufutshane nesikhululo samapolisa aseNgqushwa, esithe saqhekezwa kwiveki ephelileyo apho kuthathwe imipu eliqela equka oombayimbayi kwanaleyo imifutshane.

Isithethi samapolisa aseMpuma Koloni uBrigadiya Marinda Mills, uthi le mipu ibiwe ngentseni yangoLwesibini womhla weshumi elinesine kule nyanga, apho unqevu okanye oonqevu bathe bangena emva kokugqobhoza kwigumbi elihlala imipu kwesi sikhululo.

“Kusekwe iqoqo lephondo lokuphanda le nyewe. Eli qoqo lincediswa ziingcali eziphuma kundlunkulu ePitoli. Xa sele luqoshelisiwe uphando, siza kukwazi ukubona ukuba mingaphi eyona imipu ethe yabiwa,” kutsho uMills.

Inkosikazi esebenza kwidolophu yaseNgqushwa, nehlala kumgama okufuphi nesi sikhululo, ithi esi sehlo sibeka ukhuseleko lwabo esichengeni.

“Le nto isibeka exhaleni siluluntu lwaseNgqushwa, sizibone singakhuselekanga. Mna ndivuka ekuseni ndiyokuphangela. Ndiza kuziva ndikhuselekile xa izikrelemnqa zikwazi ukuyomosha kwisikhululo samapolisa?” kubuza le nkosikazi ecele ukuba singayichazi ngegama.

Omnye umhlali waseNgqushwa, uNondwe Mazila, uthe: “Siqhekezwa njani isikhululo samapolisa? Ayikwazi ukwenzeka lo nto. Ukuba yenzekile ibeka ubomi bethu kumngcipheko ongathethekiyo. Khona le mipu ibiweyo iyokusebenza phi, iza kusetyenziswa ngubani?”

UMills uthi kukho umntu omnye osancwinwa ngamapolisa malunga nale nyewe.

Umbutho iGun Free South Africa ukhuthaza uluntu ukuba luhlebele amapolisa akufutshane xa lubona umntu onompu osemthethweni, kodwa eenempawu zobungozi ekuhlaleni.

Lo mbutho ukwalumkisa ngelithi xa isinqandamathe sakho sinompu, ingalixhoba lokudutyulwa elilandelayo.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za