Siqhwatywe ngempama isigulana

UAndiswa Mdiza waseMdantsane, onesifo sentliziyo, ulixoba lakutshanje lokubethwa ngempama ngumongikazi kwisibhedlele iCecilia Makiwane.

Ingxelo yesi sigulana ithi emva kokuva kabuhlungu kwinaliti ebeyifakwa ngumongikazi othile uye wamxelela emcela ukuba atshintshe indlela enza ngayo.

“Ubenditswikila, endivisa kabuhlungu ngendlela ebendenza ngayo le nto, ndithe ndakukhalaza wandibetha ngempama. Ndizame ukuzikhusela kodwa bendingenawo amandla kuba andiphilanga,” utshilo ogulayo, elila.

Eli xhoba lithi kudala lixhatshazwa ngabongikazi besibhedlele saseCecilia Makiwane. “Ndingene apha kwiveki ephelileyo ngenxa yokugula sisifo sentliziyo, uxinizelelo lwegazi, ndinesiyezi, ndingaboni ngamehlo. Ndinesifo sentliziyo umthetho wam,” ucacise watsho uMdiza.

Uthi ngaphambili ukhe walixhoba lomnye umongikazi ongumhlobokazi walo mongikazi umbethileyo. “Itshomi yakhe yandityhala, ndawa phantsi kwisitulo esihambayo, ndayakuwela kwitroli ekufutshane ngalo mini. Ndahlala phantsi ixesha elide ndimamele iintlungu, kungekho mntu undincedayo,” kutsho uMdiza.

Esi sigulana sithi sinqwenela ukubona ubulungisa busenzeka ngenxa yendlela esithe saphatheka ngayo kwesa sibhedlele.

“Ndilele apha ndisoyika kuba andiyazi ukuba ndizakwenziwa ntoni ngoku, ugqirha ohlala endinceda apha – uVunda – ebekhona ngelixesha bendibethwa ngulo mongikazi.” Ukwathe kuyamoyikisa ukuba angabethwa phambi kogqirha wakhe ekumele ukuba uthatha uxanduva lokuqinisekisa ukhuseleko lwakhe.

Imithetho yezabasebenzi kweli ithi akukho namnye umsebenzi karhulumente nakwinkampani zabucala onegunya lokubetha umntu ekumele ukuba amnike iinkonzo nokuba imeko injani. Kutshanje esi sibhedlele sibe sezindabeni ngenxa yokulimala konogada obexhatshazwe wabethwa zizigulana ezigula ngengqondo.

Lo nogada waxelela eli phephandaba ukuba kudala ebethwa zizigulana ezigula ngengqondo eCecilia Makiwane, kwaye akukho manyathelo akhe athathwe.

Ukanti eli xhoba lokubethwa ngumongikazi lithi lixhalabile ngenxa yokuba bezingacocekanga izandla ebebethwa ngazo ngulo mongikazi.

“Ebenxibe igloves ezimdaka evela kusebenza ngazo abanye abantu khange azitshintshe undibethe ngazo zinjalo, andazi nokuba andingenwanga ligazi lomnye umntu na ngelixesha ebendibetha,” exhalabile utshilo uMdiza.

Ekuqaleni kwalo nyaka kubethwe umfundi weyunivesithi yaseNelson Mandela ngethuba eshicilela isiganeko sokusilela kwabongikazi ukwenza umsebenzi wabo.

Othethe egameni lesebe lezempilo eMpuma Koloni, uSizwe Kupelo, uthi akwamnkelekanga ukubethwa kwezigulana esibhedlele.

“Yinto engamnkelekanga leyo, isigulana sinokukhangela i-ofisi yomntu ophetheyo sixele ingxaki yaso ukuze kuthathwe amanyathelo,” uthethe watsho uKhupelo.

Esi sibhedlele sathiywa ngegama lalowo wayesakuba livulandlela kubongikazi abamnyama uCecilia Makiwane.