Sisankxwe emva kokulahla kukaBonang eMetro FM

Abaphulaphuli besikhululo sikanomathotholo iMetro FM abaxolanga konke konke emva kweendaba zokulahla kukaBonang Matheba kwesa sikhululo.

UBonang uwubeke phantsi umboko wosasazo ngenjikalanga yanamhlanje [ uMvulo ], elandela emva kweenyawo zikaGlen Lewis noUnathi Msengana abalahle kwiveki ephelileyo.
Ubhale kwikhasi lakhe likaTwitter wenjenje: “Emva kweminyaka emithathu yokwenza imilingo kwiFront Row, ndingakungqina okokuba kuyinene ukuba ndibeke phantsi njengomsasazi wale nkqubo. Ndizakulikhumbula usapho lwam lweMetro FM kakhulu, nanjengoko besitsho izinto ezintle ziye zifikelele esiphelweni…ndijonge kwesinye isahluko esilandelayo sikanomathotholo ebomini bam,” ubhale ngolwimi lwesiNgesi esitsho.
UBonang Matheba, nobebhexesha iFront Row noJJ kunye noNaked DJ kule minyaka mithathu idlulileyo, ungenise incwadi elahlayo kwiMetro FM ngemva kwemini namhlanje emva kotshintsho kwinkqubo yakhe.
Ethetha ngokulahla kwakhe, uBonang uthe: “Intliziyo yam yophukile. Ndixelelwe ngotshintsho enkqubeni yam kwiyure nje phambi kokuba ndiye emoyeni,” uvakalise oko.
Ukanti kule veki, uQueen B ukhe wabonwa kwii-ofisi  zeTouch HD.