Sisingise eLondon isibini saseBhayi

UZwai Mgijima noXolani Ngesi baza kuchitha iintsuku ezilishumi bebalisa amabali ethu eLondonUmfanekiso: Mpumelelo Matwa

Silandela ekhondweni likaGqirha Winston Ntshona noNomhle Nkonyeni isibini saseNew Brighton, eBhayi, esingabadlali bemiboniso yeqonga.

UZwai Mgijima noXolani Ngesi ngoompondozihlanjiwe kwicala lokulinganisa eqongeni nokulawula abadlali eqongen. Banduluke bashiya iBhayi nento zalo ngoLwesihlanu weveki esiyishiyayo besiya eLondon. Apho baza kugqiba amaqonga ngamaqonga alo ndawo besenza izinto zamehlo phambi kwababukeli basezizweni, bekwenza nemisebenzi yocweyo bebalisa amabali entlupheko yabantu abantsundu beli loMzantsi Afrika. Baza kudlala kwiyunivesithi yalapho ebizwa ngokuba yiMetropolitan University of London nakwiYunivesithi yesixeko saseSussex.

NgokukaMgijima, utyelelo kweli lizwe luza emva kwesimemo seNjingalwazi yelo lizwe, uLuke Dixon, obamemele ukuba bayokudlisa amaNgesi incasa nocwambu lwaseMzantsi Afrika kwezobugcisa.

“Kuza kuqhawuk’ ujingi abantwana bedlala eLondon kuba siza kubadlalela amabali ethu ngentlupheko yethu, nangokwamava ethu, siza kubadlalela nomdlalo wethu omtsha kraca othi New Brighton Noah,” utshilo uMgijima.

Uhambise wathi baqala ukuzibandakanya nemidlalo yeqonga eNew Brighton phantsi kwesandla sikaNtshona ngeminyaka yoo90, nowabavulela amasango wabafundisa lukhulu ngeli candelo.

UMgijima uthe lo mdlalo wabo mtsha uNew Brighton Noah ubalisa ngebali likaNowa waseBhayibhileni, owaqokelela zonke izilo neentaka ngambini wayokuzivalela emkhombeni.

Uthe elo bali liyafana neli labelungu abathe gcobho ebhotolweni, ekungoku nje begqemfeza kwiindawo zogcinozilo, zilo ezo abafika zikweli lizwe bazibiyela, esithi abamhlope ngooNowa bangoku.

“Abelungu bafika eMzantsi Afrika babona iindawo ezinomhlaba ochumileyo novelisayo, baza badudulela ookhokho bethu ngaphandle ezingqaqheni koomaNew Brighton nooZakhele kwiindawo eziyinkqantosi. Namhlanje bahlala koomaSummerstrand bebethwa yimpepho yaselwandle. Masiyithethe inyani ngoku sisaphilayo ukuze abantwana bethu bangadliswa intloya,” utshilo.

OkaNgesi uthethe wathi ababashiyanga ngasemva abantwana abasakhulayo nabanomdla kwimidlalo yeqonga, watsho esithi okwangoku basaxakeke nabo bafunda kumabanga aphantsi kakhulu.

“Sinengxaki yokungalingani sizintlanga nabantu kweli lizwe. Lo nto ke yinyani, iyinto eyenzekayo emayithethwe phandle ingatshatshalazwa kwaye singathokombisi iintloko xa sithetha ngayo. Sisazihlohla ebelungwini nangona bona bengasikhathalele. Aba bantu bahlalisa ookhokho bethu impilo ebuhlungu kwingcinezelo,” utshilo uNgesi, esithi la ngamabali abaya nawo phesheya kolwandle bebalisa ngawo ibali lomntu ontsundu.

UMgijima ukwangumdlali weefilimu zikamabonakude ezifana neImbewu apho adlala indawo kaSporo. Ukwangumbhali nomlungelelanisi wemidlalo emininzi yeqonga, eminye ifumaneka kwincwadi ethi South African Plays. Ubhale umdlalo weqonga uVeil, uGhetto Ghosts neminye.

UNgesi ukhenkethe iindawo ezininzi, waquqa ebuyelela kumaqonga eNational Arts Festival eMakanda. Eminye imidlalo adlale kuyo nguWith My Own Blood, The Arena, Mhofu neminye emininzi.