Sisixhobo sokwenza imali iiDonki eNtabankulu

Iidonki zaseNtabankulu ezisetyenziselwa ukuthutha amanziUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Inkxwaleko yokungabinamanzi kubahlali baseMatshona eLwandlolubomvu eNtabankulu ijike yalicebo lokwenza imali kubanikazi beedonki kula ndawo.

UAndile Mbeku ngumfundi wesikolo samabanga aphakamileyo iDumezweni eNtabankulu, uthi ukunqongophala kwamanzi yintlungu kodwa ikwalithuba lokwenza imali ngedonki zakowabo.

“Xa ndibuya esikolweni, ndibuya ndikhele abantu amanzi, umthwalo ngamnye ndibiza ishumi elinesihlanu leerandi R15, le mali indinceda kwizinto zesikolo endizifunayo, ukutya kwasendlwini nezinye iingxaki zam zemihla ngemihla,” uthethe watsho uMbeku.

Uthi nangona ukuthuthela aba bahlali amanzi kumphazamisa kodwa unenkululeko yokufumana izinto azifunayo ngemali ayenza ngale mithwalo.

“Ngempelaveki ndiye ndenze imali ebonakalayo enokuba ngaphezu kwamakhulu amathathu, nditsho ndikwazi ukuncedisa ekhayeni ndithenge ukutya, ndithenge nezinto endizifunayo zasesikolweni,” uthethe watsho uMbeku.

Uthethe engafuni kuthetha ngale meko ngenxa yokuba esoyikisela ukubanjelwa ukusebenzisa ezi zilwanyana.

Ezi donki azidingi kulandelwa okanye ukuqhutywa xa sele ziwuthwele umthwalo emqolo koko zingena endleleni zibhekisa kwelocala ufuneka kulo umthwalo.

“Ndithi xa zikufuphi nekhaya elo ndisondele ke ndizijike ukuba ziye ngqo kuloo mzi, kodwa ukusuka apha emlanjeni ukuya elalini ziyayazi indlela azidingi kukhokelwa okanye ukuqhutywa, ziqeqeshekile,” utsho uMbeku.

Umhlali waseMatshona uBernet Phatho, uthi baphila kabuhlungu kukungabikho kwamanzi kwezi lali kuba kuya kubanzima imihla ngemihla.

“Ndiyalima mna phaya ekhaya ngoku ndinyanzeleka ukuba ndithenge imbombozi yelitha ezingamashumi amabini anesihlanu ngemali ekwishumi elinesihlanu leerandi, inzima lo nto kuba ezi zityalo ndiyazithengisa ngoku iphinda ihambe le mali kuba kufuneka ndithenge amanzi,” utsho uPhatho.

Eli phephandaba ngonyaka ka2015 lenze inqaku elalithetha ngemeko yokunqongophala kwamanzi eNtabankulu okubangela ukuba kubenzima ukuphila kubahlali.

Ingxelo yabakwa Statistics South Africa phakathi ko2005 ukuya ku2015 ithi ukungabikho kwamanzi kuphazamisa intlalo yoluntu ngendlela ezininzi. UIndiphile Ladlokova uthi nangona kukho abantu abakwaziyo ukubanceda ngokubathengisela amanzi, kodwa bayaphazamiseka kwizifundo zabo.

“Ukubuya kwam esikolweni kunyanzeleka ukuba ndiyekukha amanzi kabini okanye kathathu xa ingekho ekhaya imali yokuhlawula ezi donki, lo nto icutha ixesha lam lokujonga incwadi, okanye ndiya ezincwadini sele ndidiniwe ndifuna ukulala,” uthethe watsho Ladlokova.

INtabankulu iphakathi komasipala beli abathwaxwa kakhulu yingxaki yokungabikho kwamanzi. Kutsha nje isebe lamanzi nogutyulo lwelindle kuzwelonke lidize ukuba oomasipala boMzantsi Afrika batyala ela sebe imali ekwizigidi ezilishumi elinesibhozo zeerandi. UPhatho uthi asikuko ukuba umasipala akazenzi iinzame zokubanika amanzi.

“Ndicinga ukuba ingaphezu kwabo le meko, kuba iimpompo zikhona awaphumi, bezisa eli tanki ulibonayo nalo aliphumi nto ngoku, kunzima kule ndawo,” uthethe watsho uPhatho.