Sisulu: Ndincediseni, sihlaziye iANC

UMphathiswa wokuhlaliswa koluntu uLindiwe Sisulu ekunye namalungu eANC Women's League eMonti UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

  

UMphathiswa wokuHlaliswa koLuntu uLindiwe Sisulu, uvumile ngokusesikweni ukungenela ugqatso lobuMongameli kwiANC, esithi ukwenza oku kuba ufuna ukudlala indima ekuhlaziyeni lo mbutho.

 

USisulu ebethetha e-ICC eMonti ngoMgqibelo kwindibano ebikhwetywe yiANC Women’s League yaseMnquma, apho lo kaSisulu athe wacelwa ngokusesikweni ngamasebe aliqela ukuba azigqatsele ubuMongameli, sikhundla eso azakukhuphisana kuso noNkosazana Dlamini-Zuma, Baleka Mbete noCyril Ramaphosa.  

 

Kulo msitho bekukho amalungu eANC aphuma kumaphondo afana neLimpopo, Mntla Ntshona, eRhawutini, eNtshona Koloni naKwaZulu Natal.

 

USisulu uthi iinkokeli zeANC kufuneka zithembakale eluntwini, futhi zibengumzekelo.

 

Ulumkise amalungu eANC esithi eli lixesha lokuvuyavuywa kwamasebe ethengwa ngemali ukuze avotele iinkokeli ezithile ngexesha lenkomfa ngenyanga yoMnqa.

“Akekho umntu onelungelo lokuxelela amasebe ukuba kufuneka avotele bani,” utshilo uSisulu.

 

Ebethelela kwelokuba uyavuma ekungeneleni ugqatso, uSisulu: “Ukuba nithi mandikhokele, ndithembiseni ukuba niza kubasecaleni kwam xa sihamba le ndlela yokuvuselela iANC.”

 

“Ndithembiseni ukuba niza kuba secaleni kwam, ukuze sibezizicaka ezichasene nobuqhophololo. Ukuba ke niyavuma ukwenza njalo, nam ndiyavuma ukungenelela ugqatso,” utshilo uSisulu.

 

USisulu ukwafumene inkxaso nakwinkosi yaseSinqumeni eNgcobo, uNkosi Daluxolo Jezile ovakalise ukuba izakumgayela inkxaso uSisulu. OoSisulu baphuma eQutubeni eNgcobo, apho ayinkosi khona uJezile.

 

Kusenjalo, itsha-ntliziyo lephulo lemfundo yaseyunivesithi esimahla uFees Must Fall uMcebo Dlamini ebekhona kulo msitho, nalapho avakalise ukuba uyamxhasa uSisulu, kuba uyinkokeli athembekileyo.