Sithatha uxanduva ngeziphumo ezingezihlanga isigqeba esikhokele iANC

SIVUMELENE ngamxhelo mnye isigqeba esilawula kumbutho kaKhongolose ukuba sithathe uxanduva ngeziphumo zolonyulo ezingahambanga kakuhle kulo
mbutho. I-ANC isecicini lokuphulukana noomasipala abambaxa abaquka iNelson Mandela Bay, isixeko saseTshwane kwakunye
nomasipala weseGoli. Unobhala jikelele walombutho uGwede mantashe udize ukuba kukho udano kulo mbutho ngenxa yeziziphumo. 


UMantashe ebethetha emva kwentlanganiso entsuku zine, ebibanjelwe kwihotele iSt Georges ePitoli. “Isigqeba esilawulayo sigqibe
kwelokuba sithathe uxanduva ngezi ziphumo, namanyathelo okulwa nokuncipha
kwamanani wabaxhasi bombutho,” utshilo okaMantashe. Ukwabike ukuba iANC
izakutyelela onke amaphondo kweli ngeliyokuphulaphula izikhalazo zoluntu
oluthe alayivotela kunyulo esiphuma kulo. 
“Kufuneka siqwalasele izityholo
ezithi singumbutho onekratshi, iinkokeli zombutho ngoohlohlesakhe, sithambile
ngokubuqhophololo, kwaye asisazikhathalelanga iimfuno zoluntu,” uqhube watsho uMantashe.
Ukwathe uthethathethwano namaqela amancinci liyaqhubeka, ngelizama
intsebenziswano kurhulumento koomasipala apho kungekho mbutho ufumene isininzi. 
Noxa kunjalo uvumile ukuba lamaqela kuninzi afuna kwenziwe yiANC phambi
kokutyikitya isivumelwano sentsebenziswano.