‘Sithwetyulwe’ isidumbu esizele umntwana

USAPHO lakwaMdoyi kwilali yaseMthayisi kwaMadiba eMbizana, lutyhola intakatho futhi lusafuna iimpendulo emva kokuba isihlobo sabo, esibhubhe sikhulelwe, sithe sabelekela kumzi wokugcina izidumbu.

UNomasonto Mdoyi (33) ebeneenyanga ezilithoba ekhulelwe. Ubhubhe ekhayeni lakhe eMthayisi emva kokukhala ngento emonyukayo esifubeni, esithi “ndixoleleni” ngeli thuba akhalayo.

Emva kokubhubha kwakhe, uye wazokuthathwa yimoto yabangcwabi. “Emva kweentsukwana ekumzi wokugcina izidumbu, siye safowunelwa ngabasebenzi balo mzi besithi umzimba uxakile, uyakhukhumala. Ukufika kwam ndiye ndothuka kakhulu kukubona umzimba kaNomasonto unjeya, ubukhukhumele ngendlela exakileyo,” kutsho isithethi sekhaya uMbikelwa Mampithi.

UMampithi uthi kusuku phambi kwesingcwabo, baxelelwe into engakholelekiyo yokuba uNomasonto ubelekele kumzi wokugcina izidumbu.

“Siye sothuka kakhulu yile nto. Umbuzo wethu kukuba bekutheni aze alinde iintsuku ezingaka phambi kokuba abeleke, kuba simngcwabe kwisithuba esingaphaya kweveki ebhubhile,” kutsho uMampithi.

UMampithi uthi belu sapho bamngcwabe uNomasonto bengamkholelwa ukuba nguye kusini na.

“Simngcwabe kwibhokisi enye nomntwana wakhe. Bekunzima ukuyivala ibhokisi kuba ibikhukhumele. Into ebangela ukuba singamkholelwa kukuba ebengaqondakali ebusweni, etyufu-tyufu. Ibingathi ngumntu lo othwetyulweyo,” kubalisa uMampithi.

UMampithi uthi sibakhathaze kakhulu esi sehlo, kangangokuba basaqinelwe ngumnqwazi ekubeni benze ntoni na ngaso. “Siza kujonga xa kuphela le nyanga, ukuba senza ntoni na malunga noku,” kutsho uMampithi.

Iinzame zokufumana ilizwi kubanini balo mzi wogcino-zidumbu eMbizana, obuhleli uNomasonto, zithe zaphanza ngethuba sibhala eli nqaku izolo.

Isithethi sesebe lezempilo eMpuma Koloni uSizwe Kupelo uthi ngokokubona kwabo beli sebe, ikhona into “engaqondakaliyo” malunga nesi sehlo.

“Asinazo iinkcukacha malunga nokwenzekileyo, kodwa ikhona nje into engaqondakaliyo apha. Oku kungenxa yokuba xa umntu ophilayo ebeleka, kufuneka avule imilenze ukuze kuphume umntwana. Umntu obhubhileyo akanakukwazi ukuvula imilenze,” kutsho uKupelo.

Igqirha, elikwahlalutya amaphupha kwiphephandaba I’solezwe lesiXhosa, uLulama “Mphilisi” Mpahla uthi bukhona ubugqwirha kule nyewe.

“Izinto ezifana nezi zifuna ukuqwalaselwa ngendlela esiphila ngayo njengabantu baseAfrika. Sinengxaki yobugqwirha kwiindawo esihlala kuzo. Mna kule meko, ndibona ukuba ukhona umoya omdaka – ubugqwirha. Kaloku awukwazi ukuzala ubhubhile.

“Olu sapho kuza kufuneka luzihlambe, ukuze kuhlambeke lo moya umdaka. Enye into ekufanele ukuba bayiqwalasele kukuqinisekisa ukuba umfi akasosithunzela, ngokuthi basebenzise imithi elungiselelwe oko,” kutsho uMpahla.

UNomasonto, ushiya ngasemva umama wakhe, oobhuti bakhe ababini kwanabantwana abahlanu.

Ikhaya lithi ixesha lakhe elininzi ulichithe ehlala eThekwini, noxa nje ebhubhele kowabo kuba ebefuna ukuba kufutshane nekhaya ukuze abeleke.