‘Sixakene nento apha’

Abantwana abonzakele kwisiko lolwaluko eLibode eSt. Barnabas HospitalUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Ngenxa yokufuna ukoluka ngenkani, amakhwenkwe aminyaka iqala kwishumi elinesithathu kumasipala waseNyandeni asebenzisa imemory card ukuhlawula iingcibi zomgunyathi.

Ingxelo yosihlalo wekomiti ejongene nolwaluko eNyandeni, uNkosi uLandela Gwadiso, ithi baphuma ezandleni abantwana bezisa kwingcibi ezingekho mthethweni.

“Sixakene nento apha, la makhwenkwe anganga la uwabonayo, athatha imemory card yefowuni ahlawule ngayo kwezi ngcibi, aze athi ukubuya kwawo esuthwini aqhubeke nentlawulo yokwaluswa ngala madoda ade ayigqibe, zibuyele kuwo iimemory card zabo,” uthethe watsho uGwadiso.

Oku kuvele ngethuba uMphathiswa weSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli kweli phondo, uFikile Xasa, etyelele iindawo zabakhwetha kumasipala waseNyandeni, eNgqeleni naseLibode.

UXasa wothuswe kukubona iimveku eziminyaka iqala kwishumi elinesibini ubudala zigcinwe esibhedlele eNtlaza, emva kokuhlangulwa kwiindawo zokwalusa ezingekho mthethweni eNgqeleni naseLibode.

Iphondo leMpuma Koloni sele libhujelwe ngabakhwetha abahlanu ukusukela oko kuqale ixesha lokwaluka lasebusika, emva kokuba abathathu betshele ebhumeni kuQumbu.

Elinye lamaxhoba ale meko uSimthembile Fodo (15) ungene esibhedlele emva kokubethwa ngentonga edolweni ngamakhankatha angekho mthethweni nawo.

“Bayasiqhatha basinika amagama angengowabo, eyona nto bayifuna kakhulu yimali, ngabo abasikhuthaza ukuba saluke, bazijika amagama,” uthethe watsho uFodo.

UGwadiso uthi la makhwenkwe angamaxhoba wezaphula-mthetho ngenxa yokuba ebaleka amacebiso angawo kubazali bawo.

“Bayayazi ukuba ngokomthetho thina sifuna iinkcukacha ezithile phambi kokuba inkwenkwe yaluke, babaleka lo nto bahamba bezifaka ebantwini abangekho mthethweni, abafumaneki ndawo aba bantu,” utsho uGwadiso.

Ngethuba lifika igqiza leeNkosi, amagosa karhulumente kunye nomphathiswa uFikile Xasa, ngamakhwenkwe angekafiki kudidi lokoluka, alishumi elinesine abegcinwe kwisibhedlele saseNtlaza emva kokuhlangulwa kwindawo ezahlukeneyo.

Ukanti uXasa uthi uzakusebenzela ukuba kubanjwe, kuvalelwe ingcibi edume ngokwaphula umthetho eLibode, uMtshayina.

“ULusikisiki sele simbambile samvalela, ngoku sikhangela uMtshayina, ndiyeva ukuba ubaleka ayokuhlala ezintabeni, sizakucela amapolisa phaya eZwelitsha asinike inqwelo-ntaka siye kanye kule ndawo akuyo, kufuneka avalelwe nabo bonke abophula umthetho,” uthethe watsho uXasa.

Isibhedlele saseNtlaza iSt Barnabas sesinye kwezo zisengxakini ngenxa yokukhula ngokukhawuleza kwenani labakhwetha abangena esibhedlele.

Umlawuli wesi sibhedlele, uZukiswa Mabandla, uthi kunzima kubo xa kuqala eli xesha lokwaluka kwamakhwenkwe, ethetha nomphathiswa uFikile Xasa uthe: “Mphathiswa ukuba singafumana amagumbi azimeleyo apha ukuze sikwazi ukunceda aba bantwana, kuba beza kuthi bevela macala onke, imeko yabanye babo inyanzelisa ukuba sibenamagumbi awodwa,” utshilo.