ABAFUNDI abaninzi baza kuqala unyaka wabo wokuqala eYunivesithi kulo nyaka. Akukhathaliseki nokuba usuka kweliphi icala lelizwe, esizikithini sedolophu, elokishini nokuba kusemagedukeni asezilalini, oku kungabangela ubani azive enexhala elingumangaliso okanye echulumancile.
Ngethamsanqa, I’solezwe lesiXhosa liza kuxhobisa ngomawukulindele kunyaka wakho wokuqala kwezo ndonga ziphakamileyo zemfundo enomsila.
Sincokole noBanetsi Andreas Mphunga weBanetsi Wellness oyiPsychologist ezinze eKapa.
* EYunivesithi akufani nasesikolweni samabanga aphakamileyo:
Mhlawumbi ke le kudala wayiva . Akukho mntu uza kukhangela okanye uza kufaka uswazi xa ungezanga eklasini – nguwe umntu okufanele azidine ngokuzimasa igumbi lokufundela! Akukho mntu uza kukhumbuza ngeHomework ngoku, ngaphandle kokuba uza kube unotitshala ojongene nawe (tutor).
EYunivesithi uyilawula ngokwakho imfundo yakho, kwaye ufumana amanqaku ngokusebenza kwakho.
“Wamkelwa ngendlela osebenze ngayo kwisikolo samabanga aphakamileyo, ngoku ke eYunivesithi umthwalo womsebenzi uthande ukuba mninzi.
Unikwa umsebenzi ze ushiywe uwenza ngokwakho. Akukho mntu uza kuba semva kwakho, akukho mntu ujongene nawe,” kucacisa uBanetsi.
“Icebo kukuzimasa zonke izifundo zakho kwaye uye nakubahlohli bakunike iingcebiso xa ubona imfuneko.”
* Lawula ixesha lakho ngendlela efanelekileyo:
Lininzi ixesha olifumanayo ungenzi nto. Eli ayiloxesha lokuba livila.
Xa unexesha lokuphumla , eli xesha ungalisebenzisa ukufumana okusiwa phantsi kwempumlo, okuphungwayo kwaye ujonge iincwadi zakho.
“Yiba nesicwangciso seveki (weekly planner). Cwangcisa zonke izinto zakho ngendlela ekusebenzelayo.
Xa usenza izinto ezibalulekileyo ngexesha, uza kufumana ixesha eloneleyo lokuzimamela! Akukho xinizelelo oza kulifumana uzibone unee-Assignment ezintlanu okufanele uzingenise kusuku olulandelayo,” kucebisa uBanetsi.
* Ziqhelanise nesikolo sakho esitsha kwiveki yeOrientation:
Eli ayiloxesha lokonwaba! Ikwalixesha lokuziqhelanisa nokukungqongileyo. IYunivesithi ifanele ukuba nemibhalo ekubonisa amasebe ayo athile, iinombolo zoncedo ezibalulekileyo nezinye izinto ofanele ukuzazi.
“Xa ungabuzi soze wazi nto. Le veki lithuba lakho lokubuza imibuzo onayo.
Yenza uphando ngeli zikomfundo uza kufunda kulo. Ziqhelanise neendawo okanye amasebe athile esikolo, umzekelo, iindawo zokuhlala zabafundi (residence), iiofisi zoncedo lwemali (nsfas), iindawo zokhuseleko, zokutya njalo njalo,” kucebisa uBanetsi.
UBanetsi ukwacebisa ukuba umfundi makazifumanele itshomi efunda ikhosi enye naye.
“Zifumanele umntu oza kuxhasa, umntu oza kunceda kwezinye izinto kwanomntu oza kucebisa (mentor).”
* Ucwangciso lwezemali:
Abafundi basuka kumakhaya angafaniyo ngokwasepokothweni.
“Uza kulingeka ngenxa yokubona iitshomi. Zazi ufuna ntoni, zazi izinto onokukwazi ukuzithenga, izidingo neemfuno.
Cwangcisa ngemali onayo epokothweni ngaphandle kokujonga iitshomi zinantoni,” kutsho uBanetsi.
“Abanye abafundi bazifumana besemgibeni wokufuna amatorho, okanye bekhangela abantu abaza kubanika ubomi obuntofontofo. Ukhona uNSFAS wokunceda abafundi abangenamali yendawo yokuhlala, ukutya neencwadi,” kucebisa uBanetsi.
Ucebise abafundi ngokusebenzisa iData okanye iWifi yesikolo kwizinto ezibalulekileyo neziza kubasebenzela, bangayisebenzisi kwezinokukhokelela ukuba batshone.
UBanetsi uthi abafundi mabagcine izithethe nendlela abaqeqeshwe ngayo emakhaya.
“Hlala kula ndlela yasekhaya ikwenze wapasa emagqabini. Uxinizelelo zizinto ezenza ulahle ubuwena, uphele utshaya iziyobisi, uzibandakanye kwisondo njalo njalo.”
UBanetsi uthi abafundi mabasebenzise iingcali zengqondo nabathuthuzela ngokomphefumlo eYunivesithi ukuze baqubisane nezinto ezibadlikidla imiphefumlo.
“Sifuna ubani aphume eyile nto ebefuna ukubayiyo ngexesha engena eyunivesithi,” uvale ngelo.
Obelahlekile ufunyenwe edlwengulwe ebulewe kwigumbi likamzala