Sixhobisa abasetyhini, ngokombono kaO.R. Tambo

Uhambo loMzantsi Afrika lokuba lilizwe elinenkqubela ngamaxa amaninzi lungalinganiswa ngokubhekiselele kwiimpumelelo esizifikeleleyo ekuxhobiseni abasetyhini. Oku kusemxholweni ngokukodwa kumacandelo lawo asebenza kuwo * -SANRAL – elobunjineli nelokwakha – macandelo lawo, kwixa elingaphambili ebeqwalaselwa ekulawulo lwamadoda.

U-SANRAL ukholelwa ukuba kufuneka kubekho abasetyhini abongezelelweyo kwisithuba sobunjineli, esokuyila nokwakha iibhlorho, ukwakha iindlela ezintsha, ukulondoloza izibonelelo zokusebenza yaye, ngokubaluleke ngokugqithisileyo ukuba ngabanini nabalawuli beenkampani zabo zokwakha.

Ukusuka kwisiqalo sakhe * -SANRAL kwakamsinya, emva kotshintsho lwelizwe ukungena kwinkululeko uqononondise ngenkuthalo imigaqo-nkqubo neendlela zokusebenza ezijolise ekufakeni abasetyhini kula macandelo, ngokubini kwisakhiwo sequmrhu nanjengabanini-kontraki kwiiprojekthi ezinkulu.

Ngoku sikhawulezisa le nkqubo ngokumisela umgaqo-nkqubo wotshintsho oqonda indima ebalulekileyo edlalwa ngu-SANRAL kutshintsho lweshishini lokwakha. U-SANRAL ngokusebenzisa iinkqubo zakhe zokufumana izixhobo zokusebenza neenkonzo, angaqinisekisa ukuthatha inxaxheba ngokongezelekileyo kwabasetyhini njengabanini-kontraki, iingcali nababoneleli beenkonzo ngokuphelisa izithethe zobuxhamli-wedwa bamadoda kumxokelelo wonikelo lwenkonzo.

Irekhodi lethu lomkhondo libonisa ukuba senza inkqubela yaye ukufaka entsebenzweni umgaqo-nkqubo wethu omtsha wotshintsho kuya kusenza sikwazi ukulinganisa inkqubela enjalo ngokuthelekisa neetekeni ezicacileyo ezimiselwa ubuthathi-nxaxheba kwabasetyhini, kolutsha namashishini akhasayo. Ngaphezu koko, sifuna abanini-kontraki abangundoqo abafumana uninzi lwengeniso yabo kwiziniki-maxabiso zokwakha ezivela ku-SANRAL ukubonisa ukuzinikela okufanayo kutshintsho lweshishini.

Kunyaka ophelileyo, amashishini amancinci naphakathi afumene ingeniso efikelela kwiibhiliyoni ezine zeerandi (R4 Billion) ephuma kwiikontraki ezinganeno kwiiprojekthi zolwakhiwo lweendlela. Iiprojekthi zokwakha nezolondolozo ngokungaguqu-guqukiyo zikhatshwa ziinkqubo zophuhliso lwezakhono ezixhobisa abathathi-nxaxheba abatsha ukunyuka kwileli yokuba ngabanini-kontraki abangundoqo ngokuzimele ngokwabo. Amashishini angaphezulu kwama-4 260 azuzile kwezi nkqubo, kuquka nawabasetyhini ali-1 690.

Ukuzibophelela kuka-SANRAL ekuqhubeleni phambili isini kananjalo kuyabonakaliswa kwinkxaso yethu yabasetyhini abaselula abafunda kwimimandla yenzululwazi, yobuchwepheshe, yobunjineli neye zibalo – imimandla ye-STEM (isifinyezo sale mimandla yezifundo ngesiNgesi) – kwiiyunivesithi namaziko emfundo ephakamileyo.

Njengangoku abafundi abangama-32 kwabali-132 abavuzwe ngeebhasari ngabasetyhini, yaye sizimisele ukongeza oku kwalamana ukwenzela abasetyhini abongezelelweyo babeziingcali kwimimandla engundoqo kuhlumo lothungelwano olubanzi lwezixhobo zokusebenza zeendlela zelizwe.

Abafundi bezikolo eziphakamileyo abangama-60% kwabangama-200 abafumana iibhasari ku-SANRAL ngabasetyhini kwakunye nama-40% eengcali ezintsha ezisafunda ezingama-304 ezibekwe ngaphakathi kwequmrhu nakwezinye iinkampani eziqhuba ushishino neli ziko.

Ngaphakathi kweziko lethu le-SANRAL Technical Excellence Academy ngolwasemzini, sinikela ngeenkqubo zoqeqesho eziphambili zokuxhobisa iinjineli ezinezidanga ngolwazi nezakhono ezifunekayo eziya kwenza zibenakho ukwanelisa iimfuno zobungcali ezimiselwe yi-Engineering Council of South Africa ngolwasemzini. Ngaphezulu kwesithathu sabafundi abangama-27 abafumene uqeqesho kweli ziko, elisekwe eBhayi, ngabasetyhini.

Unyaka u2017 uphawula isikhumbuzo seminyaka eli-100 yokuzalwa kuka-Oliver Tambo, omnye wabaxhasi abathembekileyo bomzabalazo wenkululeko noqondwa kwihlabathi njengengqondi ngenxa yobunkokheli bakhe obukhokelele ekuweni kobandlululo notshintsho loMzantsi Afrika ukuya kwidemokhrasi.

Kwa-SANRAL sibonelele ngeminikelo yethu kwilifa lika-Oliver Tambo ngokusindleka imisitho ebhiyozela amagalelo akhe ngokubanzi kwisizwe, ngokukodwa ukuzinikezela kwakhe kwimfundo yenzululwazi nokuxhobisa abasetyhini.

NgeyeThupha, ugqaliso lwesizwe lusekukhumbuleni ukumatsha kwangowe-1956 kwabasetyhini abangaphezulu kwama-20 000 abavela kwiintlanga zonke nabeminyaka ehlukileyo ukucanda uMzantsi Afrika abahlangabezana kwiZakhiwo zoMdibaniso ukuqhankqalaza ngokuchasene nemithetho yepasi kwakunye nezinye iintlobo zocalucalulo.

Abaninzi beenkokheli bale ndibano yabasetyhini, abafana noGertrude Shope, uRuth Mompati, uDorothy Nyembe noRahima Moosa, bakhonza no-O R Tambo kumbutho womzabalazo yaye kamva babekhona ukuphulaphula umyalezo owanikelwa egameni lakhe kwinkomfa yezihlwele yabasetyhini ngowe-1990.

Ekwenzeni umnikelo kwigalelo elibalulekileyo elanikelwa ngabasetyhini ekuhlanganiseni izihlwele egameni lenkululeko namalungelo oluntu eMzantsi Afrika, wamema abathathi-nxaxheba ukuhlanganisa uluntu ngokubanzi. “Kufuneka ngoku umzabalazo uthathelwe phambili ukuqinisekisa ukuba iinzuzo esizenzileyo zikhokelela kwiinkqubela-phambili ezongezelelweyo,” watsho njalo uTambo.

Amazwi kaTambo ahlala esisalatha-mbombo kumzabalazo oqhubekayo ukuqinisekisa ukuthatha inxaxheba okufanelekileyo kwabasetyhini kwintsingiselo eyintloko yoqoqosho lwaseMzantsi Afrika. Kananjalo ziyaboniswa kwiinjongo nemisebenzi ka-SANRAL.

Asakhi ndlela zodwa. Sixhobisa abantu nabahlali yaye sinegalelo kumagalelo okuqala abanzi aya kunika abasetyhini ilizwi elingamandla kuluntu, yaye lukhuthaze inkqubela-phambili elulutho.

*UMona sisithethi sikaSANRAL