‘Siyabulela Unilever ngezipho kuMvezo’

UKUHLALA nokufunda ezilalini kwenza ukuba ubani afikelele nzima kumathuba ophuhliso kwanokukhulisa ulwazi.

Ilali yakuMvezo eMthatha, apho wazalelwa khona obesakuba nguMongameli weli uNelson Mandela, yenye yeelali ezithwaxwa yintlupheko ngokufanayo neelali zaseMpuma Koloni.

Iindlela ezingekho semgangathweni xa ungene phakathi kuMvezo kwakunye nentswelongqesho zezinye zezinto ezithwaxa le lali.

Kodwa ngenxa yokusebenzela uluntu kwenkosi yale ndawo, uNkosi Mandla Zwelivelile Mandela, indawo yakuMvezo iyafumana kumathuba ophuhliso lweenkonzo kwakunye noluntu.

AbakwaUnilever banike izipho abafundi baseMandela School of Science and Technology kuMvezo eMthatha UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

Ngosuku lukaMandela (18 kweyeKhala), inkampani yezokutya, ukhathalelo lococeko nezempilo, iUnilever, ityelele isikolo sezigidi ngezigidi iMandela School of Science and Technology ukuya kubhiyozela olu suku lwesisa oluqatshelwa kwihlabathi jikelele.

Abafundi besi sikolo bathiwe jize ngezipho ezifana nezihlangu kwakunye neemveliso zakwaUnilever zokhathalelo lococeko.

INkosi yakuMvezo uMandla Zwelivelile Mandela kwakunye neNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane bebephakathi kwabo bathe bazimasa lo msitho obuququzelelwe yiUnilever.

Izipho ezinikwe abafundi zizihlangu ezingamakhulu amahlanu anesihlanu (550) kwakunye neemveliso zokhathalelo lococeko eziquka isepha, izithambiso, amachiza okucoca, njalo njalo.

AbakwaUnilever banike izipho abafundi baseMandela School of Science and Technology kuMvezo eMthatha UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

USithembile Ngobese, onguMlawuli weMicimbi yezoNxibelelwano (Corporate Affairs) kumazantsi eAfrika kwaUnilever, uthi ucoceko lwabafundi ngeli xesha leCovid-19, yinto ebaluleke kakhulu kubo beyinkampani.

“Sinentsebenziswano neSebe lezeMfundo apho sibanceda ngokukhuthaza abantwana ezikolweni ukuba bahlale becocekile behlamba izandla ngeLifebuoy kwakunye nokwakha izindlu zangasese,” utshilo uNgobese.

Sithembile Ngobese UMFANEKISO: MANDLA NDUNA/ EC OTP

UNgobese uthi ukuphuhla kwabantu kwakunye namashishini asezilokishini nasezilalini, yeyona nto engundoqo kwinkampani yakwaUnilever.

“Ndisoloko ndisithi kubantu endisebenza nabo, ukuba kubalulekile ekubeni phaya kwiindibano esizibambayo sikhokelise uphuhliso loqoqosho lwasezilokishini nasezilalini, kuba abantu abasebenzisa iimveliso zethu ngabantu abasezilokishini nasezilalini,” kutsho uNgobese.

Ethetha ngenkosi yale ndawo, uNgobese uthi iyakhuthaza eyokubona uNkosi Zwelivelile ekhokelisa uphuhliso lwabantu bakuMvezo kulo lonke iqonga alifumanayo.

“Nkosi Mandela ndisoloko ndikhuthazeka ngentshisakalo yakho kule minyaka ilishumi elinesibini sisebenza sobabini,” utshilo uNgobese.

“Ndiyibonile intshisakalo onayo ngabantu bakuMvezo. Zonke iindibano endizizimase kwakunye nawe, kwingingqi, elizweni nakwihlabathi jikelele, into yokuqala othetha ngayo ngabantu bakuMvezo.”

INkulubaphathiswa uOscar Mabuyane noNkosi Mandla Zwelivelile Mandela UMFANEKISO: MANDLA NDUNA / EC OTP

UMandela wenze umbulelo kwiUnilever esithi: “Abafundi bethu (eMandela School of Science and Technology) bafumene izipho eziqhakazileyo. Umbulelo ongazenzisiyo kwiUnilever kwaye sijonge phambili kwintsebenziswano ende neqhubekela phambili neUnilever, ingakumbi wena mam’ uNgobese.”

UMabuyane uthi xa le nkampani iUnilever ingagqiba kwelokwenza umzimveliso apha ephondweni, mabayazi ukuba bamkelekile futhi baza kukhuseleka.

Abafundi baseMandela School of Science and Technology banikwe izipho yiUnilever ngeMandela Day UMFANEKISO: MANDLA NDUNA / EC OTP

Umfundi owenza uGrade 12 eMandela School of Science and Technology, uMalunga Mpunga, uthe: “Lusuku olukhulu kakhulu olu kuthi. Ngokubakho kwalo olu suku, kwenza ukuba sikhumbule imisebenzi katat’ uNelson Mandela. Into ebangela ukuba sibulele kakhulu kukuba ezinye izinto besingenokwazi ukuzifumana ngaphandle kwakhe.”

“Siyabulela ngoobhaka, izihlangu kwakunye nezixhobo zokhathalelo lococeko kuba kaloku abanye bethu abathathi ntweni,” utshilo uMpunga.

Omnye umfundi, uSiyavuya Mtheleli, naye owenza uGrade 12, yena uthe: “Siyavuya kakhulu ngezipho esiziphiweyo, kuba xa uhlala ezilalini, njengathi aba, kunzima ukufikelela kwizinto ezininzi. UMandela wazalelwa apha, kwaye lo nto isenza iqhayiya. Siyawavuyela kakhulu amathuba esiwafumanayo egameni likaMandela.”

ULuc-Olivier Marquet, onguSekela Mongameli wesiGqeba sakwaUnilever South Africa uthi iMandela Day ngumsitho ongaphaya kombhiyozo wobomi kwakunye nomzila kaMadiba. Likhwelo lehlabathi lokuzeka mzekweni kumsebenzi wobomi bakhe (uNelson Mandela) ukuze kutshintshe ihlabathi libe ngcono, kutsho uMarquet.

“Kwisizikithi solu tshintsho sifumana abantu, abahlelelekileyo, abangaselwanga liso, abadandathekileyo, ingakumbi abantwana. Ukuzinikela kwethu ekwenzeni umahluko kolu luntu kusentliziyweni yayo yonke into esiyenzayo eUnilever,” utshilo uMarquet.

“Ngoko ke xa ubona uphawu lwenkampani yethu kwimveliso, yazi ukuba idlala eyayo indima ekwenzeni ngcono ihlabathi kumntu wonke.”