Siyafunda, siyakhonza: umfundi oseCuba

Emva kwezityholo ezithe ndii zokuba abafundi bezifundo zobugqirha beli abaseCuba batyeshele izifundo zabo bexakeke kukushumayela ivangeli, intatheli yephepha-ndaba I’solezwe lesiXhosa uSiyabulela Mqikela uncokole nomnye wababafundi uSinethemba Mbekushe ophuma kweli phondo.

Kutshanje aba bafundi bazikhanyele ezi zityholo abanye kubo bevuma ukuba bayakhonza, kodwa ziyabaxwa ezi ziganeko.

I’solezwe: Ingaba ziyinyani iingxelo zokuba niyakhonza, nityeshela izifundo zenu?

Mbekushe: Iinkozo zona zikhona, zivumelekile futhi e-Cuba phantsi komqathango othi zingachaphazeli abanye abantu abankolo zimbi, nje- ngakulo naliphi na ilizwe, ngokolwazi lwam oluncinane. Zikhona ezethu bafundi sisodwa, ezabemi base-Cuba kwakunye nezo sihlangana kunye nabo kuzo. Yonke ke lo nto yenzeka ngaphakathi kwezakhiwo zenkonzo kuphela. Amampunge ngala okuba sishumayeza abantu ezitalatweni. Leyo ayihambisani namalungelo neenkolo zabanye abantu, ngoko ke asinakuze sizibandakanye kuyo.

I’solezwe: Isukaphi yonke le nto yokuku khonza?

Mbekushe: Ukukhonza uThixo okanye uQamata esikholwa ukuba ngumdali wezulu nomhlaba sizalelwe kuko sakhulela kuko, nakaloku nje sisekuko.

I’solezwe: Kuthiwa nikhonza imihla yonke nityeshela izifundo zenu?

Mbekushe: Isizathu sokuba simdumise umdali imhla yonke kukuba sinombulelo kuye ngokusithwala kude kube ngoku, ngethuba asinike lona lokuza kuqeqeshwa emazweni, ngempumelelo yethu kwizifundo zobugqirha esize ngazo kweli lizwe, njalo-njalo.

I’solezwe: Abazali baxhalabile kweli cala ningathini kubo malunga nezi zityholo?

Mbekushe: Okulilishwa kukuba sibekwe amabala ngezinto ezingeyonyaniso, esingazaziyo nesingabuzwanga ngazo ukuqinisekisa ubunyani bazo. Abazali mabehlise izibilini, eCuba senza oko besikuthunyelwe lisebe lezempilo khon’ukuze sibuye sihlangule kwintlekele yezempilo ingakumbi kwelo phondo lethu leMpuma Koloni.

Aba bafundi bamxelele ngqo umphathiswa wesebe lezeMpilo eKZN uSibongiseni Dhlomo ukuba bayakhonza kwaye akukho mntu ubanyanzela ukuba benze oko, kodwa bayazikhethela ukwenza konke oku.

Ilizwe loMzantsi Afrika likwisivumelwano sokuqeqesha abafundi beli kwezobugqirha kunye nelizwe laseCuba.