Siyakuthanda ukuba zizicaka!

Umhla nezolo, umntu ontsundu kweli lizwe loMzantsi Afrika ukhala ezimantshiyane, ukhalela ukohluthwa kwakhe ubucaka, ubukhoboka nokuba ngabantu abaxhomekeke kwisisa nakwimfesane yabanye ukuze baphile. Wofika elowo nalowo ekhala esithi: “asinamisebenzi; asinazindlu; asinambane; siyalamba; asinazinkonzo zelindle; ezempilo; njalo-njalo.” Ngenxa yoku, side sazizuzela negama elisifaneleyo, elo lokuba ngooKhalazayo nooMakhala-njalo!

Kanti umntu ontsundu wayephila njani phambi kokufika kwezinye izizwe kule Azania yoobaw`omkhulu? Iqale njani imeko yokuzibona sixhomekeke kwezinye izizwe ukuze thina sikwazi ukuphila?

Kungenziwa ntoni ukuze isizwe esintsundu sibuyelwe sisidima sokuba sisizwe esingaxhomekekanga kwezinye, koko siziphilele kwaye singacengi bani?

Indlela ikhe yakhonjwa kulaa mhlaba waseQonce! Indlela yokuziphila, siziphilele kwaye siyeke ukurhorhozelana nezinye izizwe, sayizotyelwa sayiboniswa kakuhle ngubawo uSteve Bantu Biko!

Ndimkhumbula uSteve Biko kula ncwadi yakhe ithi, I Write what I like, iphepha lele-100, xa wayesithi, “Ukuba uhlanga oluntsundu luqhubekeka lusiya kuhlanga lwasemzini luthe qhiwu umnqwazi wokucela amalizo, oku kuthetha ukuba umntu ontsundu akanakuze akhululeke ngokupheleleyo.”

Yaleke kuhle nenkulumbuso yaseGhana uKwame Nkrumah mhla yayala umzi ontsundu ngelithi, “Eyona ndlela igqibeleleyo yokufunda ukuzimela nokuziphilela, kukuba ungacengi necengisayo, uphile ubomi obulawulwa nguwe, kwaye, kumele ama-Afrika onke akhethe ukuzimela, nokuba kungakho umngcipheko, kuba ukuziphilela uzisebenzele, kungcono kakhulu kunokuxhomekeka nobukhoboka.”

Khawube nomfanekiso ngqondweni womnqa onokwenzeka kwihlabathi jikelele, umnqa wokuzikhulula komntu ontsundu kuxinzelelo lwengqondo yobukhoboka, ukuziqwabulula komntu ontsundu kumakhamandela okucinga ukuba kunyanzelekile ukuxhomekeka kwezinye izizwe ukuze ube nokuphila, umnqa wokuzinyundula komz`ontsundu kumhadi wengcinezelo yokuyibona iyinto engummiselo ukwenza ubomi bezinye izizwe bube lula, bube luncuthu ngokusebenzela ezo zizwe!

Khawube nomfanekiso ngqondweni womntu ontsundu kwihlabathi jikelele evukwa kukuzixabisa, ukuzithanda nokuba nengqiniseko ngendawo emfaneleyo ehlabathini!

Bambi bangathi ndiyabhuda, bambi bathi ndimnkelwa zingqondo, bambi bathi ndiyotywa ziziyobisi, kodwa ndicinga ukuba xa ngenye imini umz`ontsundu ungavuka unesigqibo esithi, mna mntu usebenzela umvuzo endiwuzuza ngokusebenzela olunye uhlanga, andizikhweli, andiyi emsebenzini, koko ndiza kuqalisa ukuzisebenza, ndizisebenzele mna ngokwam buqu, ndiphiliswe kukubila kwebunzi lam, libiliswa kukungasebenzeli mntu wumbi, ingakumbi lowo wasemzini. Ndinengcinga, ndingagqibi ke phofu, ukuba umntu angakubona ukuxabiseka xa esebenzela lowo wakubo, kunokukhonza umntu wasemzini.

Umhla nezolo, ngoku abantu basemzini sisiwa sivuka sisebenzela bona, sisebenzisana nabo, ixabiso lethu abaliboni tu kwaphela, koko basinyemba, basinyamnye baze basibukule ngamazwi obuhlanga mihla le! Ingaba xa besingazibeki kwimeko yokuphila ngokusebenzela bona bebenokuyenza loo nto?

Bangaphila njani abantu basemzini xa sinokukhe sihlale emizini yethu nakumakhaya ethu, siyile amaphulo okuziphilisa, siphilise iintsapho zethu, size sakhele isizukulwana sethu ikamva elikholose ekuziphakamiseni nasekuziphiliseni komntu ontsundu, eziphilisa, eziphila, eziphilela engaxhomekekanga kwezinye izizwe.

Kwakwiinkonzo zoluntu, nguwe mntu untsundu oqinisekisa ukuba izizwe zasemzini ziphila kamnandi nangokonwaba, nangona ezo zizwe zingayiqondi loo nto!

Nguwe ococa izitalato zabo, nguwe ococa imizi yabo, nguwe okhulisa iintsana zabo, ude uzifundise ubuntu, nguwe omaxhaphetshu ucoca upheka kwiihotele nakwiirestyu ukuze baphole kamnandi ezingqondweni.

Nguwe mntwana womgquba obekwa njengomanejala, umphathi nomlawuli wamashishini neenkampani zabantu basemzini, ukuze kukhonye wena, ugxagxamise amawenu, ngeli lixa bona bengqendeve emizini yabo nakwiindawo ezithengisa impungo.

Bambi kubo, athi ngoku amashishini neenkampani zabo zisenza intywenka yemali ngenxa yesakhono sokusebenza kwakho mntu ontsundu, babe bona banini baloo mashishini bebetha ibhola yegalufa, bephole ezingqondweni, bambi kubo babe bezilolonga ngokubaleka ezindleleni ukuze bahlale besempilweni, ube wena mntu ujongene neenkampani zabo usifa luxinzelelo lwengqondo oludalwa yimingeni yomsebenzi.

Linye mawethu, kuhle ukusebenzelana nokusebenzisana phakathi kwezizwe ngezizwe, kodwa ingathi umntu ontsundu angakhe alichonge, aliqonde kwaye angalithandabuzi ixabiso lakhe phezu komhlaba!

Mntu ontsundu ubalulekile, mntu ontsundu womelele, mntu ontsundu unenzondelelo, mntu ontsundu unamandla kwaye uyathandwa nguMdali, uyathandwa ngamanyange!