‘Siyawakha amayeza sinyange, hayi ukuthenga amalungu omzimba’

AMAGQIRHA nookhohlel’esingeni bakhala ngokwehliswa kwesithunzi sabo kumsebenzi wokunyanga apho akubeka elubala ukuba bayawomba amayeza emahlathini kunye nasemathafeni anyange. Abawathengi amalungu omzimba wabantu.

Oku kulandela emva kokuba amagqirha kwidolophu yaseMt Ayliff akhale ngokungayiboni ingeniso yokunyanga kunyaka ophelileyo emva kwesanxwe sokubulawa kwabantwana nabasetyhini, kunqunyulwa amalungu athile athengiswe.

Kudliwano-ndlebe ne-I’solezwe, ojongene nokusebenza kwamagqirha kwimalike yaseMt Ayliff, uNkosingiphile Dlamini, uthe okwehle kunyaka ophelileyo kuyaphoxa kakhulu futhi kulimaze isithunzi samagqirha nokudodobalisa ushishino lokunyanga ngokwesintu.

“Lo umsebenzi ohambisana nokungcola wenziwa zizigebenga!” kufunga uDlamini.

Uthe bona njengamagqirha basebenzisa amayeza aphilisayo kuba engekho amalungu athile abantu abenza ngawo amayeza okunyanga.

Ukwakhale ngelithi, umsebenzi wabo udotyelelwa phantsi kuba amaxesha amaninzi bahanjelwa ngabakhenkethi abavela kumazwe angaphandle kunye nabasuka kwamanye amaphondo bezokubona, baphinde bafunde ngeendlela abanyanga ngazo.

“ Thina sisebenza ngendlela eselubala ngoba bayafika abakwantsasana nabamele ezemvelo bezokuhlola umsebenzi esiwenzayo, esikuthengisayo ingaba kusemthethweni na,” kutsho uDlamini.

Umongameli wamagqirha kwakunye nokhohlel’esingeni, uGqr Thandonjani Hlongwane, uthe abantu akufuneki badibanise indlala ebabhuqayo nokunyanga.

“Kuyacaca ukuba abenza oku abanavelwano. Thina siphilisa abantu ngokubanyanga ngeendlela ezilungileyo kuba sinovelwano,” utsho uHlongwane.

Uthe xa kufika umntu ezothengisela amagqirha into engacacanga, kumele unyamalale kubengathi uyothatha imali kanti uyokrweca amapolisa.

Ulumkise ngelithi abantu mabakukhuphe tu ezingqondweni zabo ukuba bona njengamagqirha baphinde basebenzise amalungu omzimba ukunyanga.

“Izigebenga njengokuba kucaca nje okokuba sisebenzisa nokuba yintoni eziswa kuthi, ndizityityimbisela umnwe. Kuba akuyonyaniso, umsebenzi wethu uyahlolwa ngalo lonke ixesha ukuba sisahamba ngendlela esemthethweni na kwaye ungophilisayo na,” uvale ngelo uHlongwane.