Siyilibele esasiyilwela!

Apha ebomini akukho nto ibuhlungu ngaphezu kokuba umntu athi akuzibona esendaweni ebanzi nephezulu, asuke onwabele ukuba kule ndawo intle akuyo, alibale tu ngendlela afikelele ngayo kuloo ndawo okanye kweso sikhundla akuso.

Umhla nezolo, uluntu loMzantsi Afrika luhlala luchonga lukwavotela iinkokheli kwanooceba abaza kubakhokela ukuze kuphucuke iinkonzo kwiindawo abahlala kuzo.

Uninzi lwezi nkokheli, ziye zonyulwe ngenxa yokuthenjwa kwazo. Umntu ke akulula ukuba athenjwe, engakhange yena abonakalise isakhono sokukhokela kwaye aziveze engoyena mntu unokuba nobulumko bokuyitshintsha ibe ngcono intlalo yabantu abameleyo okanye abamonyulileyo.

Iyadanisa kakhulu ke mawethu into yokuba iinkokheli zezi mini, zibonakalise ukuzimisela kakhulu ekuthandeni uluntu nokukhonza uluntu xa zizithengisa zigayela ukuvotelwa, ukuze zithi xa sele zibekwe ezikhundleni ebezizifuna, zisuke zikubethe ngoyaba oko bezonyulelwe kona, phofu ke kwanaba bantu zonyulwe ngabo, zibabeke kwelokulibala.

Kwezi nkokheli zabumini zikholose ngokuba ngoohlohlesakhe, uthi sele umcebisa umntu, umnika umkhombandlela kweyona ndlela ingcono yokukhokela abantu nokuzisa iinkonzo eluntwini, usuke utyityimbiselwe umnwe, woyikiswe ngomalingatshoni okanye oomalingasi elaloo mini usaphila.

Nindiva ndishwabula nje kukudana kwam yimeko ehlasimlisayo yokusilela kweenkonzo kwiindawo ezininzi zoMzantsi Afrika.

Ezi nkonzo zisilela ngoku ezi ndawo zinooceba, iinkokheli noosodolophu. Nawe mlesi uzukhe uziphe ithuba uqwalasele imeko yedolophu yakho le uhlala kuyo okanye uhlala kufuphi nayo.

Uya kuphawula ukuba indlela emdaka ngayo, akunakuze kuthiwe inosodolophu nomasipala.

Nokuba mlesi uya kweliphi iphondo, uninzi lweendawo zokuhlala needolophu zimdaka, zinyhukunyhuku kodwa kuzo zonke konyulwa kwaze kwabekwa oosodolophu nezigqeba zabo.

Ndiye ndizibuze ukuba usodolophu neqela lakhe elikhokela uluntu bavakalelwa njani xa bengena kubumdaka beedolophu ngezithuthi ezixabisayo zaseJamani?

Basavakalelwa phofu okanye abanalo tu kwaphela ixesha lokuzihlupha ngemeko abahlala nabaphila phantsi kwayo abantu bakuthi?

Khawuziphe ithuba ubone idolophu iRhawuti neTshwane eGauteng, iUpington eMntla Koloni, iBellville eNtshona Kapa, iQonce, iCumakala, iKomani nezinye eziliqela eMpuma Kapa, uya kuthi usangena kwezi dolophu ungakholelwa yindlela ezimdaka ngayo.

Andisathethi ke xa sele uphakathi kumbindi wazo, kubanzima nokuphefumla livumba lobumdaka olirhogolayo.

Umfo endandihamba emva kwakhe eRhawutini wade wadanduluka esithi, “kwiidolophu zethu namhlanje akukho vumba libi lingekhoyo kulawo asemhlabeni, kangangokuba kunzima nokuba ungakwazi nokutya xa ukwezi dolophu.”

Okubuhlungu ke kukuba kwa-iiofisi zabanyulwa abakhokela ezi dolophu, nazo zikwakwezi dolophu zinyhukunyhuku.

Ubumdaka obugqume iidolophu zethu, ingakumbi iidolophu ezisetyenziswa kakhulu ngabantu abantsundu, kulowo ujongileyo zingalatha izinto ezimbini.

Eyokuqala yeyokuba thina singabantu asikwazi kuzigcina zicocekile iindawo esizisebenzisayo.

Okwesibini, abo basikhokeleyo nabanoxanduva lokuzigcina zicocekile iindawo esihlala kuzo nesizisebenzisayo njengeedolophu, inokuba bayilibele into abayonyulelweyo nabebeyilwela phantsi kwengcinezelo.

Andifuni nokuya ke kumba weendlela ezimbi, ingakumbi kwiphondo leMpuma Kapa. Ndithe xa bendisiya kumngcwabo wesithwalandwe ubawo uKwatsha uGubevu, kulaa mhlaba waseMkhubiso, ndothuswa bububi bendlela yalapho.

Esona sizathu sokothuka kwam kukuba iMkhubiso le, yenye kwiindawo ezibe negalelo eliphambili kwidabi lenkululeko, kwaye nobawo uKwatsha lo ebengcwatywa, zininzi iinkokheli zopolitiko eziphume ezandleni zakhe njengenqununu eyayisisilumko.

Hayi ke ndothuke ndawa ndavuswa ngamanzi xa naseCumakala ndigagana nale meko yobubi beendlela.

Uninzi lwamaNgwevu luthe lusiya kukhunga kwilali yaseKhubusi, emva kokuwa kwenkokheli yawo uHototo unyana kaNzungu, suka kwavakala ukungqokola nokukhuza ngenxa yokubetheka kweemoto kwiindlela zalo lali.

UMkhubiso neKhubusi yimizekelo nje emibini yeelali zaseMpuma Kapa ezineendlela ezimbi ezibulala iimoto zabantu, uninzi lweelali azihoyekanga tu ngokuphathelele ekuphuculweni kweendlela.

Ukuba nalo unyaka uphele zingalungisiswanga iindlela zephondo leMpuma Kapa, zaqhubekeka zinyhukunyhuku iidolophu ezisetyenziswa ngumzi ontsundu, ndakulikhupha litsole elithi inene siyilibele into esasiyilwela!