Siyinkunkuma? UMzantsi ukumgangatho wobunkunkuma?

Siza kusa eyiphi komkhulu? Siza kumamela eliphi ilizwi kula mazwi maninzi kangaka? Sithe sisehlisa izibilini zokugxothwa komphathiswa wezoqoqosho kunye nesekela lakhe, nako kusithi gqi esinye isaphuselane sisixelela ukuba singuMzantsi Afrika sihliselwe kumgangatho wobunkunkuma (junk status), nto leyo izakwenza ukuba abatyali bezimali bangaphandle bangalijongi nokulijonga eli lizwe lethu.

Ndicinga ukuba eyona nto mhlawumbi esenza sinxunguphale leli gama lisetyenzisiweyo lobunkunkuma, uninzi lwethu aluyazi nokuba yintoni kuqala le- “Junk status”, asiyazi nokuba ivele phi, asinalo nofifi lokuba ithetha ntoni kwezoqoqosho lweli lizwe. Sive igama elithi “nkunkuma” nathi ke saphambaniswa yile ngcingane yokuba sele kutheni kusithiwa sizinkunkuma nje? Kodwa inye into esiqiniseke ngayo, kukuba yonke le nto yenzeke ngenxa yohlenga-hlengiso lwequmrhu lolawulo likamongameli.

Andiyiyo ingcaphephe kwezoqoqosho kodwa ke ngokwezimvo zeengcaphephe, eli banga sikulo lobunkunkuma asinto thina bemi beli lizwe ezakutswikila kakhulu kwiipokotho zethu okwangoku. Ekuhambeni kwexesha le nto ingachaphazela inzala yemali-mboleko kwabo basabhatala iimoto nezindlu zabo ebhankeni.

Okunye ke okuza kwenziwa leli banga kukuwa kwamandla eRandi, nto leyo ezakwenza ukuba iimveliso ezivela kumanye amazwe zibe sexabisweni elikhulu kakhulu.

Umzekelo osendeleyo kuthi ngamafutha eenqwelo-mafutha, siyayazi ukuba ukwenyuka kwala mafutha – yonke into iza kwenyuka ngokuba kaloku zonke zidinga amafutha khona ukuze ziziswe kuthi.

Iingcaphephe zithi nokuba ingasuswa le-”Junk Status” kuthi, kodwa izivubeko zayo ziya kuthatha iminyaka emibini ukuya kwemithathu ukuze iphole. Ithi lo nto masibophe ibhanti iqhina liyenyukela.

Yonke ke le nto isisiphumo sezigqibo zezopolitiko. Ithi ke lo nto nokuba uthi wena mhlawumbi awunaxesha lezopolitiko kuza kunyanzeleka ubenalo.

Kaloku ixabiso lokutya, ixabiso lombane, ixabiso lamafutha eenqwelo, ixabiso leempahla njalo njalo, zonke ezi zinto ziphembelelwa ziimeko zezopolitiko. Andithi sonke masibe ngamatsha ntliziyo azijula ijacu esilwa kwiqonga lezopolitiko, kodwa kubalulekile ukuba sikwazi okwenziwayo ziinkokheli zelizwe, kunye nemibono nezigqibo abazithathayo ngekamva lethu.

Xa unolu lwazi uyakwazi ukuthatha isigqibo esisiso xa kufike ixesha lovoto, uvotele loo mbutho uza kwenza ikamva lesizwe lingabi mfiliba.

Ngoku ke masiphinde sibuyele kula mbuzo wethu wokuqala wokuba siza kusa eyiphi na komkhulu? Siza kumamela eliphi na ilizwi kula mazwi maninzi kangaka?

Izimvo ziyabetha-bethana ngamandla ngale meko sizibona sikuyo sisisizwe. Abanye batyhola umbutho olawulayo, abanye batyhola umongameli wesizwe, abanye batyhola usapho lakwaGupta, abanye oongxowa abamhlophe, ibali lide.

Mna ndiyafuna ukuthi elowo umntu makatyhole isiqu sakhe. Kaloku wavota andithi? Lo nto ke ithetha ukuthi konke okwenzekayo elizweni kuphembelelwe nguX wakho.

Nokuba zange uvote, ukungavoti kwakho kwenza umahluko omkhulu kumanani empumelelo okanye ekungaphumelelini kweqela lakho lezopolitiko. Nawe ungakhange uvote luthathe olu xanduva sikule meko nje nguwe. Uyayibona ke ngoku ukuba akukho usindayo ekreleleni? Akukho mntu unokuthi akanasandla ekuzikeni kwale nqanawa inguMzantsi Afrika? Sonke siwonile umsebenzi wamagorha alwela umzabalazo. Sonke siyekile zawela phantsi iinyembezi zabo basutywa kukufa ngenxa yeli lizwe lethu.

Le nto ke ngoku bakhaya sizakuyilungisa njani? Kakade nje yoniwe sithi, ngoko imele ilungiswe sithi. Mna ndithi ichiza linye bantakwethu, kukuba siyilungise ngolwahlobo sasiyimoshe ngalo, ngevoti.

Lo rhulumente usifake emgqomeni sabizwa iinkunkuma zizizwe uvotelwe kwasithi, nokuphuma elulawulweni uyakukhutshwa kwasithi ngezivoti zethu. Eyona siza kuyisa komkhulu yile yokuba sonke sinesandla ekuzikeni koMzantsi Afrika, sonke masithathe uxanduva lokuyilungisa le meko.