Siza kuyibeleka ikrwempa

Iziganeko ezinkqenkqeza phambili kumathole eendaba amajelo osasazo yintsangu, ubundladiya babantwana bezikolo abangcungcuthekisa abantu abadala kunye namabali okutsha kwabantwana kumatyotyombe. Kukwakho nale komishini yokubanjwa ngobhongwana kombuso. NeCOSATU inomongameli omtsha onguZingiswa Losi; umongameli wasetyhini wokuqala ngqa kule manyano.

Kuwo onke la mabali kukho eli lisaphala phambili kumnatha wonxibelelwano wooTwitter nooFacebook; eli lentsangu.

Kukhangeleka ngathi uninzi lwabo bavakalisa uluvo lwabo bayasivuyela esi sigqibo sokuba kusemthethweni ukuzitshayela nokuzikhulisela intsangu kwakho.

Nangona ke ukuthengisa intsangu kungekho semthethweni. Bambi bayifanisa notywala le nto yentsangu.

Bathi utywala sesona siyobisi siyingozi ukudlula intsangu. Baninzi abantu ababulawa butywala kunabo siva kusithiwa babulawa yintsangu.

Banyanisile. Bambi bathi abantu abatshaya eli cuba labathwa iba ngabantu abazizoleleyo kwaye bakho nabalitshayela ukuzinyanga.

Lilonke esi sigqibo size kade kwaye bayasamkela. Kwelinye icala kukho abo bafana noMphathiswa wamaPolisa uBheki Cele, otsolise elithi akahambisani konke konke nale yokugunyaziswa kwentsangu.

Kuye intsangu ngumnyango wokungena kwizwe leziyobisi ngokubanzi. Nalapho ikhona inyani; umntu uqala kwintsangu osogqiba onyukele ayokutsho kwiinyaope nezinye iipilisi zokuyotywa.

Xa usiya kwizibhedlele zabantu abagula ngengqondo uyakufumanisa ukuba kubakho nolutsha oluphaya ngenxa yokutshaya iziyobisi; kwaintsangu le iyakwazi ukuphambanisa abantu.

Phofu nasiphi na isiyobisi, notywala na kakade, buyakwazi ukugqwetha ingqondo yomntu. Ingaba ke ngoku xa urhulumente evumela izinto ezinje ukuba zibe semthethweni uzimisele ukusisa phi esi sizwe?

Kule veki iphelileyo besisithi makucuthwe iindawo ezithengisa utywala. Ngoku kuvulwa namasango entsangu.

Inene, siza kuyibeleka ikrwempa apha kulo Vulazibhuqe woMzantsi wethu; sakuthi ipapa yifafa siyotywe phaya kude zizo zonke ezi zinto.