‘Siza kuyichitha loo bhoma’

Umthetho karhulumente umile, lowo othe wolusa inkwenkwe phantsi kwebakala lokuqala (Level 1) lokuvalwa kweentshukumo elizweni, abe urhulumente engekakhululi, uza kujongana nengalo yomthetho enokuba ngumdliwo okanye avalelwe ejele iinyanga ezintandathu.

Urhulumente kazwelonke nalowo waseMpuma Koloni, uvakalisile kule veki ukuba ulwaluko alukavunyelwa.

Ngaphambili kukhe kwaqhutywa uthethwano phakathi kweenkosi, iingcibi namagosa karhulumente, kuxovulwa umbandela wokhuseleko lwabakhwetha kwiCovid-19.

Emva kokuqatshelwa kokwenyuka kwakhona kwenani labosuleleka yiCovid-19, kugqitywe ukuba limiswe kwakhona ulwaluko njengoko bekwenzekile ngexesha lasebusika.

Kodwa kule veki, urhulumente uvale inqwaba yamabhoma eMdantsane naseNyandeni, nathe akhiwa phambi kokuba urhulumente avakalise ilizwi malunga nolwaluko.

USekela Mphathiswa weSebe leNtsebenziswano kuRhulumento kwaneMicimbi yeeNkosi, uObed Bapela, uxelele isizwe ngeCawe ukuba ulwaluko alukavunyelwa phantsi kukaLevel 1.

UBapela ucele uluntu ukuba lunyamezele kuba oku kumalunga nokusindiswa kobomi bamakhwenkwe.

“Kwezi veki zidlulileyo siqaphele ukwenyuka kwenani lolosuleleko kwakhona. Ngenxa yoku, ilizwe libone kufanelekile lenze imigqaliselo yokukhusela ubomi babakhwetha.

“Ukuqhuba nokunqunyanyiswa kolwaluko kuza kudlala indima yokuncedisa uMzantsi Afrika alwe nale ntsholongwane. Sicela iinkosi noluntu ukuba luncedisane ekuqinisekiseni ukuba kuyathotyelwa ukunqunyanyiswa kolwaluko,” utshilo uBapela.

Umbutho weenkosi, iContralesa, uvakalise ukungahambelani nesi sigqibo sikarhulumente, usithi uza kuqhuba nolwaluko.

Urhulumente waseMpuma Koloni uthi uza kuqhuba nokuwadiliza amabhoma akhiweyo.

“Abo bophula umthetho baza kujongana notshutshiso. Simemelela kuluntu ngelithi ulwaluko lusanqunyanyisiwe. Masimanyane ukusindisa iimpilo,” utshilo uMvusiwekhaya Sicwetsha, othethela urhulumente wephondo.