‘Sizakuyivala iDimbaza!’

Uqhankqalazo eDimbaza Umfanekiso: Siyabulela Mqikela

Baqhube uqhankqalazo bejuxuza bekhalazela izindlu kwangentseni namhlanje abahlali basePhola Park, eDimbaza, nabathe kamva bagqithisa uxwebhu lezikhalazo kwigosa likamasipala waseBuffalo City (BCM). 

Ingxelo yabahlali ithi ezi zindlu zakhiwa phakathi konyaka ka1996 nonyaka ka1997 zinamagumbi amabini kuphela. 

Aba bahlali bagqithise uxwebhu labo lezikhalazo kwigosa elisuka kwi-ofisi kamasipala waseBCM uAmanda Myuthe. 

Inkokheli yolu qhankqalazo uVuyani Tame uthi bazakuthatha amanyathelo angqingqwa ukuba abafumani iimpendulo kwezi zikhalazo.

“Eyona nto siyifunayo apha zizindlu esasithenjiswe ngazo kudala; apha kwakhiwa ezi zindlu ngo-1996 okanye ngo-1997 ngoku zindala kuba zazingekho mgangathweni kwasekuqaleni,” utshilo uTame. 

Uthi bazakuyivala iDimbaza ukuba umasipala akazizalisi izithembiso zakhe. 

“Aba bantu bathembisa ukuba bazakusinika iimpendulo ngomhla weshumi elinesihlanu kule nyanga sikuyo, ukuba ayenzekanga lo nto ndizakuyivala iDimbaza,” utshilo uTame.

Ukanti uceba wale ndawo uVuyo Tokwe uthe akakwazi kuthetha ngalo mcimbi kuba sele ugqithele kwinqanaba elingentla. 

“Umcimbi sele usezandleni ze-ofisi kasodolophu ngoko ke andisangeni ndawo mna ngabo ke abanokunika impendulo,” ucacise watsho uTokwe.